ANC: Umzimba ongenantloko

Siphuma kwenye yeempelaveki ezibalulekileyo kwezepolitiki yaseMpuma Koloni. EBhayi konyulwe uAndile Lungisa njengosihlalo weANC weNelson Mandela Bay kwaze kwicala laseNgqushwa konyulwa uKhanyile Maneli njengosihlalo wesixeko sase-Amathole.

Nangona zombini ezi nkomfa ziye zanamagingxigingxi ekuqaleni, kude konyulwa isikhokelo esitsha kuzo. Thina, siliphepha siye sayokukroba le ibiqhubeka eMpekweni ye-Amathole.

Emva kweentsuku ezimbini ide yabe iyaqala. Kwaye nomphathiswa wezokhuseleko kweli loMzantsi Afrika, uNosiviwe Mapisa-Nqakula ukhuze ngelithi zange khe wayibona inyakanyaka enjeya; apho inkomfa ilibaziseke into engangeentsuku ezimbini ngenxa yomntu omnye.

Eyona yothusayo yeyokuba uMongameli Gedleyihlekisa Zuma naye ukhe wathi tsi gxada kulo mhlaba wase-Amathole ngeCawa esithi “bendize kwenye inkqubo apha ephondweni kodwa ndava ukuba kukho ezi nkomfa, ndaqonda ukuba mandikhe ndigqithe ndizokuthi ‘hello’ kuni!” Wahleka.

Nabani na okwazi ukuziqiqela uyakuyazi ukuba akukho mongameli usuke athi gqi kwinkqubo. Soloko sikhona isizathu. Ebezokuthini?

Unikeze ngesiqinisekiso sokuba uyehla njengomongameli weANC kweyoMnga walo nyaka, wajonga kwisikhokelo sephondo ngelithi “nini abaziyo ukuba ngubani ozakulandela emva kwam” phambi kokuba ahleke kwakhona.

Ukanti xa sikroba eBhayi; usihlalo omtsha, uLungisa, ulibeke latsola emva kokuhamba kukamongameli phaya ukuba bona kwesa sixeko banqwenela ukuba umongameli olandelayo ibe ngumntu wasetyhini.

Uyakukhumbula mfundi ukuba uNkosazana Dlamini-Zuma ngulo ebelapha kwikomkhulu laseNqadu kweyoMdumba, nalapho angakhange afumane nkxaso ingako kwiKumkani yamaXhosa. Inokuba umongameli ebezo kumkhankasela kwakhona? Asitsho.

Xa sele kukhankasa umongameli wezwe ubuqu uboyazi ukuba ingxaki ikhona. Le yantlukwano igcwele kokaKhongolose ingathi yeyona nto iza kuwubulala lo mbutho wooTambo.

La nyikinyiki yeyantlukwano ekonyuleni iinkokeli siyibone eAmathole luphawu lonyaka nje ozakuba nzima mpela kokaKhongolose.

Umbutho ongazaziyo ukuba uza kukhokelwa ngubani udlala upuca ngekamva lawo.