ANC: ‘UScara usweleka igambutsi zisezinyaweni’

ISIKHOKELO seANC eMpuma Koloni simchaze njengomntu obenesakhono sokudibanisa imihlambi eyalanayo uSodolophu woMasipala weSithili iSarah Baartman, uMzimkhulu Scara Njadayi, obhubhe emva kokuqukuleka kwindibano kamasipala eGqeberha ngenjikalanga yangoLwesithathu.

USodolophu waseSarah Baartman uScara Njadayi ekhokele indibano namhlanje (Lwesithathu) nathe wabhubha esayikhokele UMFANEKISO: FACEBOOK

UNjadayi, okwanguSihlalo weANC eSarah Baartman, ubhubhe ngethuba lendibano yekomiti yakhe, nebeyikhokele njengoSodolophu. Ebhubha nje ebeneentsuku ezintandathu enguSodolophu.

UNobhala weANC ephondweni, uLulama Ngcukayitobi, uthi uNjadayi udlale igalelo elivisayo ekuququzeleleni iANC “ibengumbutho onyulu, umbutho owakhekileyo ngokokutsha”.

“Kananjalo ebesaziwa ngokuthanda into yokokuba wonke umntu akwazi ukusebenzisana, yiyo le nto nangethuba esonyulwa (njengoSodolophu) – imibutho engadibananga nathi ngokwezopolitiko ikwazile ukumxhasa ukuze abenguSodolophu,” kutsho uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi ufanise uNjadayi njengejoni elibhubhele emfazweni.

Scara Njadayi UMFANEKISO: FACEBOOK

“UQaban’ uScara usweleka igambutsi zakhe zisezinyaweni, iqulo lakhe lisesandleni, ehlaba ebheka phambili ukuqinisekisa ukuba iimeko zabantu boMzantsi Afrika ziyaphucuka.”

“Ebengumazibuthe okwazi ukudibanisa imihlambi eyalanayo. Sikhathazekile, siyalazi usapho ukuba ngabona bantu bonzakele kakhulu. Inga usapho lakwaNjadayi lungalala ngenxeba ngeli xesha lale lahleko ingaka. Ayilohleko nje kubo kuphela, koko yilahleko kwilizwe liphela,” kutsho uNgcukayitobi.

Kwimbalelwano eshunqulweyo, uMasipala weSithili iSarah Baartman udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwaNjadayi, kumbutho iANC kwakunye nemibutho eyohlukeneyo yezopolitiko.