#ANC106 Ramaphosa: Zijikile ngenene izinto

Inginginya yabantu eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo

Umbutho iANC yiPalamente yabantu boMzantsi Afrika, ngoko ke kubalulekile ukuba ukholose ngabantu maxa onke.  

Oku kuthethwe nguMongameli walo mbutho uCyril Ramaphosa kwimibhiyozo yeminyaka elikhulu elinesithandathu yasekwayo iANC. 

Le mibhiyozo ibibanjelwe kwibala iBuffalo City eMonti.

Intetho kaCyril Ramaphosa iqale ngqo ngexesha (intsimbi yeshumi elinanye) ebihlelelwe lona kwaye ibingqale ngqo kwiimfuno zoluntu. Ebebonakala njengomntu oyaziyo le nto ibhalwe kweli phepha ebelifunda, ekwenza oko ngaphandle kokugqwithiza.

URamaphosa uyibethelele eyokuba kubalulekile ukumanyana phakathi kwamalungu alo mbutho. “Kufuneka siqale inkqubo yemvuselelo, senze izinto ngokutsha. Umbono wethu ifanele ukuba ibengulowo woqoqosho olurhwebesha utyalo-mali ukuze sidale amathuba engqesho,” utshilo uRamaphosa.

“Ubuqhophololo kufuneka buphele buthi nya, kuba ngaphandle kwalo nto sizakuthi gqolo ukuchitha imali sibe singayazi ukuba siyichithela phi,” utshilo okaRamaphosa.

Lo kaRamaphosa uthi umanyano kufanele ibeyintsika yeANC. “Ukuba kukho omnye phakathi osiqhekeza phambili, kufanele simbuze ukuba uyenzela ntoni nalo nto.”

“Kufuneka sihambele phaya kwizinto eziyingxaki kwimpilo zethu,” utshilo okaRamaphasa.