‘Andibuseli notywala,’ utsho uSodolophu otyholwa ngokunxila kumsitho weANC

‘Andibuseli notywala,’ utsho uSodolophu otyholwa ngokunxila kumsitho weANC.

USodolophu waseFreyistata otyholwa ngokunxila kwindibano yephondo yokubhiyozela iminyaka yeANC eParys kwimpelaveki ephelileyo, uphikile ukuba uyabusela notywala.

Ividiyo kaSodolophu waseMaluti-a-Phofung uMalekula Melato ijikeleza kwikhasi likaWhatsApp, nalapho ebonakala engakwazi ukuphakama ngexesha lomsitho ngethuba enxibe iimpahla zombutho wamanina weANC.

“Andiseli kwaphela utywala, andiyazi ukuba ivela phi loo nto,” ucacise watsho.

UMelato uqhubekile wathi: “Ukuba abantu bandibona ndidanisa ndisenza yonke loo nto kungenxa yokuba yilento siyenzayo kwiANC.”

Uthe ebeguqe ngamadolo esenza umdaniso wesintu waBasotho ngamagxa akhe.

UMelato uthe wonke umntu wayesazi ukuba udlamkile kwaye wayengaseli.

“Ndandikhwele ibhasi namaqabane, sasinemincili, kwaye sidanisa. Andiyazi ukuba yintoni engalunganga kuloo nto ukuba umntu abenemincili. Ngaba umntu owonwabileyo unxilile? Andiseli,” watsho enyanzelisa.

Kunyaka ophelileyo, amanye amasebe eANC anyanzelisa uMelato ukuba arhoxe emva konyulwa nangona ngo2020 kwafunyaniswa ngowayesakuba nguMkhuseli woluNtu uBusisiwe Mkhwebane ukuba waqeshwa njengomanejala ophezulu kumasipala waseLesedi eGauteng, engenazo iziqinisekiso ezifunekayo.

UMkhwebane wafumanisa ukuba esi sikhundla sifuna isiqinisekiso seminyaka emithathu uMelato angenaso. Inkqubo yophuhliso lobunkokheli wesigqeba kumasipala wayigqiba kwiYunivesithi yasePitoli phakathi kweyoMdumba neyeDwarha ka2009, yayiyikhosi emfutshane, kwaye ingabhaliswanga kumgaqo-nkqubo wemfundo kazwelonke.

UMelato wonyulwa njengoSodolophu kweyeSilimela kunyaka ophelileyo emva kodliwanondlebe nekomiti yesigqeba seANC kuzwelonke.

Ngenyanga yeNkanga, uye wagxekwa ngokunika abahlali ababemoshakalelwe zizindlu ngenxa yemozulu embi iiplastiki ukuba bagqume uphahla lwabo.

Abanye abahlali ababevutha ngumsindo bafuna iimpendulo kuMelato, bebuza ukuba bafanele benze ntoni ngeeplastiki nanjengoko behleli bengakwazi ukuqinisekisa ukuba bayamelana nemimoya ebhudla ngamandla besebenzisa izikhonkwane neengcingo ezonakala lula.

IOL