‘Andifuni mali, ndifuna izixhobo’

Umfama uXolani Qashani exakeke kumatshini wakhe wokubhula, emva kokuwuvuselela Umfanekiso: Uthunyelwe

Umfama osakhasayo uXolani Qashani (40) eCacadu, akalindanga ncedo kurhulumente ukuzalisa umnqweno wakhe wokuziphilisa ngokulima nokufuya.

Lo mfama uvuselele umatshini wokubhula umbona owawusetyenziswa, nowathengwa ngutata wakhe uNdala Qashani ngeminyaka yoo1980.

“Ndibhula umbona ngalo matshini, ndiwuvuselele ungasebenzi uhleli nje apha ekhayeni, ngoku ndibhula ngawo kuphume umbona kwimipha,” kucacisa uQashani.

Ekunye neentombi zakhe uQashani, wambethe iimpawu zokuba ngenene uyayiphila le nto ayenzayo yokulima.

“Isicelo sam sinye kurhulumente, andifuni mali, ndicela izixhobo eziquka, ucingo, injini, amatanki, imibhobho nezinye ndizokwenza le nto ndiyithanda kakhulu,” kucacisa uQashani.

Uthi akaziboni enokuchitha ixesha ngokuphangela kuba usuka akhumbule emasimini xa esemsebenzini.

“Ndicela ukuncediswa kule nto ndiyithandayo, ndizondle, ndikhulise abantwana bam, ndinqwenela nokuqesha abanye abantu,” kutsho uQashani.

Lo matshini wokubhula umbona wawusetyenziswa nguyise enceda abahlali beelali ezintlanu zesithili saseMtsheko, utsho.

Kudala efaka izicelo kwiSebe lezoLimo eCacadu kodwa akukho mpendulo ikhuthazayo kwizicelo zakhe.

“Ndiqale ngo2000 ukulima nokufuya, ndiqale ukufaka izicelo zokuncedwa ngurhulumente ngo2002, andizange ndilifumane uncedo, ndiyacela,” kutsho uQashani.

Kutshanje iSebe lezoLimo noPhuhliso lwaMaphandle eMpuma Koloni likhuphe uxwebhu olukhuthaza abafuyi nabelimi ukuba bafake izicelo zokuncedwa ukuze balime bafuye.

“Ngoku ndivelisa ispinatshi, iminqatha, rabha nebeetroot kodwa zisencinci, ndibethwa kukudinga la manzi ndiwacela kurhulumente, ngesele zibonakala ngoku,” kutsho uQashani.

Lo ngomnye wamafama asasebenzisa iindlela zakudala zokuvelisa ukutya eziquka ukulima nokukofola ngamahashe wakhe ngenxa yokuswela uncedo.

“Ndivuse lo matshini kuba ndikholelwa ukwenza ngale nto ikhoyo ndingalindi into endingenayo, endingayazi nokuba ndakuyifumana phi,” utsho.

UMasipala waseMalahleni ngomnye woomasipala abanengxaki yamanzi anqongopheleyo, ukhukuliseko lomhlaba nembalela. Iilali zaseMtsheko apho alima khona lo mfama zachazwa ngokophando lweAgricultural Research Council ukuba ziyindawo yokuvelisa amazimba.

“Emva kokubhula lo mbona nditsho ndikwazi ukondla iinkukhu zam, ndixhele xa kufanelekile, uyatyiwa nokutyiwa kwenziwe umngqusho,” kutsho uQashani.

Ingxelo yeFood and Agricultural Organisation phantsi kweZizwe eziManyeneyo iqikelela ukuba amazwe asakhulayo kwihlabathi aza kugagana nendlala enkulu ebangelwe kukunqongophala kokutya.

Kwingxelo yenyanga ephelileyo, lo mbutho uthi amafama kwihlabathi alahlekelwe ngabasebenzi, lixesha nayimali yokuwagcina evelisa ngenxa yesifo sekhorona.