Andigungqi tu emahashini, utsho owasetyhini

Usomashishini uPhindi Kema

USOMASHISHINI onkabi yakhe iseMpuma Koloni, uPhindi Kema, ukholelwa ukuba xa uMkhuseli woLuntu ekhuphe ingxelo malunga nendlela abamhlophe abalawula ngayo ishishini lokuphaliswa kwamahashe kudidi lwabaphezulu, kwakuvulela abantu abamnyama ekunzima ukungena kweli shishini.

UKimi wabhalela obesakuba nguMkhuseli woLuntu uThuli Madonsela, ekhalaza ngendlela abamhlophe abavalele ngaphandle ngayo abantu abamnyama ukuba bangene kweli shishini.

Yiminyaka uKema elinde iziphumo zolu phando emva kokuba wafaka isikhalazo kulandela isigqibo sikarhulumente waseRhawutini ngo1997, owathi watyikitya isivumelwano kwakunye nenkampani iTotalisator Agency Board (TAB) ikunye neHighveld Racing Authority kuquka namaqela emidyarho yamahashe eRhawutini, ukuze kusekwe inkampani entsha iPhumelela.

Encokolela I’solezwe kutshanje, uKema uthi ebesandula ukubamba indibano noMkhuseli woLuntu omtsha uBusisiwe Mkhwebane, kwaye uthi wonelisekile yindlela esele luyihambile olu phando.

“UMkhuseli woLuntu omtsha undixelele ukuba uzakuyikhupha kungekudala le ngxelo,” utshilo uKema.

UKema, oqale ukuzibandakanya neshishini lokukhuliswa kwamahashe nokuphaliswa kwawo kwiifama zase-Addo kweli phondo ngo2007, uthi wabhenela kobesakuba nguMkhuseli woLuntu uThuli Madonsela emva kokuba wathi wavumbulula ngokumandla “undlela-mnyama namaqhinga” kwindlela eliqhutywa ngayo eli shishini kweli lizwe.

Uthi kwakulithuba apho wayetyelele eQatar eAsia ngethuba efumanisa ngokutyeba kweshishini lokuphalisa amahashe eMzantsi Afrika.

Yayilelo thuba apho uKema wathi waqhagamshelana nenkampani yokuphalisa nokungcakaza ngamahashe iPhumelela, efuna iindlela zokuthenga ibala lomdyarho wamahashe i-Arlington eliseBhayi.

“AbakwaPhumelela bavuma besithi bazakundithengisela eli bala. Kodwa kamva, emva kokuba befumanise ukuba ndizakusebenzisana nabanye abantu, bajika kwisigqibo sabo, besala ukundithengisela,” utsho uKema.

Uthi ukwala kwePhumelela ekumthengiseleni i-Arlington kukuba le nkampani ifuna amathuba akweli shishini abekubantu abathile.

“Emva kokuba iPhumelela yalile ukundithengisela yafuna ukuthengisela eli bala umasipala ombaxa wase Bhayi. Ngethamsanqa obesakuba nguMkhuseli woLuntu (Madonsela) wakunqanda oko esithi usaphanda,” utsho uKema.

Le nkosikazi ekhulele phantsi kosapho oluthanda ukufuya eFrankfort eQonce kwanaseQumrha, ithi noxa nje ikwakhona nakwishishini lokutyala nokuthengisa iziqhamo (citrus) eAddo, ayisokuze igungqe emahashini.

“Kutheni le nto ishishini lamahashe lizakulawulwa ngabamhlophe. Bakungena nini abantu abamnyama kweli shishini?” kubuza uKema. UKema ukwakhumbuze oomama beli lizwe, esithi mabaqine kwiindawo abakuzo.

“Singoomama banamhlanje, masingalibali igalelo loomama basemandulo ababesenza imigudu ukuphuhlisa iimpilo zabo kuquka nabantu ababangqongileyo. Masithethe ngabamama bakuqala, singabathathi njengoomama abangafundanga.

“Mna abona mama enditsala kubo umdla ngoomama abafana noKumkanikazi Nandi Shaka mama kaKumkani Shaka kaSenzangakhona, kuba lo mama wabayintsika ekuxhaseni uKumkani Shaka ukusuka ngethuba le Kumkani yamaZulu yayiselula.

“Apha eMpuma Koloni, umama endibonela kuye nguNkosazana Katyi Maqoma owayengumama kuNkosi Jongomsobomvu Maqoma owahlala eRobben Island ebanjiwe iminyaka engamashumi amabini ananye. Akufani kuthethwe ngaye uNkosazana Maqoma kodwa indima ayidlalileyo kwisizwe sakwaXhosa indenza ndibenelunda mna,” utshilo uKema.

Xa uKema engaxakekanga lushishino, uzonwabisa ngantoni. “Ndizonwabisa ngomdyarho weemoto, ngokuthi ndiyokubukela emabaleni okanye ndiwubukele kumabonakude.”