‘Andikabhubhi okwangoku,’ kutsho umfundi waseRhodes ona-67′

Caption: Umfundi waseRhodes uMichael Willemse ekunye noGqirha Sizwe Mabizela UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Emva kwencoko nomhlobo wam, ndazibuza ukuba ‘kutheni ndingafundi’. Oku kungenxa yokuba andikabhubhi okwangoku.”

Oku kuthethwe nguMichael Willemse oneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe (67) noqale kulo nyaka ukufundela isidanga sezifundo sophandonzulu ngoluntu (Anthropology) nePolitiki kwiYunivesithi yaseRhodes.

UWillemse, ozalelwe eMgungundlovu, waliphumelela ibanga leshumi kwiminyaka engamashumi amahlanu eyadlulayo, emva kokufunda eBellville High eKapa.

Akazange afumane thuba lokuqhuba nezifundo zakhe nto leyo yamnyanzela ukuba asebenze kwicandelo lezophapho phantse yonke iminyaka yobudala bakhe.

UWillemse ofumana imali yendodla kwaSASSA ukholelwa ukuba ukufunda kwakhe kwakunceda abancinane ngolwazi.

INgqonyela yaseRhodes, uGqirha Sizwe Mabizela uthe: “Ndimamkele ngezishushu uMnu. Willemse kwaye ndambulela ngokuza (kufunda) eRhodes. Uza namava kwaye ndiqinisekile nolutsha luza kuxhamla kumava wakhe.”

UWillemse ukwalindele isigunyaziso senkxasomali kwiNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS).