‘Andinamona ngesiNtu!’

Nofungile Sizila Umfanekiso: Phinda Kula

Kapa: KubaluLekile ukuba abantwana abasakhulayo bafundiswe ngamasiko nezithethe ukugcina inkcubeko yakwaNtu ukuze ingahambi ngomrhiba de ilahleke kuba abantu abadala begcine ulwazi, yaye berhuqa iinyawo ukwabelana ngolwazi nabantwana esele bethinjiwe bubunewunewu baseNtshona de balibala neengcambu zabo.

“Ndingumama wesiko nesithethe sakwaNtu, ndizimisele ukufundisa abantwana ngesithethe namasiko esiNtu,” utshilo umama uNofungile Sizila, 70. Umama uNofungile uthi ufundisa abantwana ukuba kubuyelwe eMbo khon’ukuze bayazi ukuba kuphilwa kanjani na kwaNtu.

Uthi nakwikhaya lakhe akahlali ngaphandle kwezithethe namasiko, oko sele ekutyale kubantwana ahamba nabo, ebafundisa ngezinto zesiNtu.

“Andinamona ngesiNtu kuba lisiko nesithethe, kufuneka saziwe ngabantwana,” utshilo umama

uNofungile, nodiza ukuba wakhula enxiba inkciyo, esitsho kananjalo ukuba uqiniseke ukunxiba iimpahla zesiXhosa ngo2003.

Uthi uninzi lwabantwana kweli lizwe abazi nto, ngelithi wofika bebhinqisiwe hambe bexhentsiswa kuba abantu beneenjongo zokwenza imali.

Umama uNofungile uthi akahambiselani kwaphela nomkhwa wokuhamba kuxhentsiswa abantwana, uthi ufuna abantu abaza kufundisa abantwana ngezithethe namasiko bayeke ukudlala ngabo kuba begxeleshe inzuzo yemali.

Umama uNofungile uthi ukutyeshelwa kokwenzelwa kwabantwana imbeleko ngethuba besefukwini.

Uthi kula maxesha wokuba abantwana bebelekelwa ezibhedlele bekufanelwe benzelwe imbeleko.

Uthi oku kubangela ubunzima xa umntwana esenzelwa imbeleko sele eza kuya entabeni, uthi yiyo lo nto uninzi labantwana bezizibhadubhadu eziyabula esithubeni, behambe bedibana nokuhlatywa kungenjalo badutyulwe.

Uthi kubalulekile ukuba abantwana benzelwe amasiko ngexesha elililo nelifanelekileyo.

Ubongoza urhulumente ukuba angazaleli endle kwimicimbi yemveli, ngelithi kwakugcina amasiko nezithethe zentlanga ezohlukeneyo kweli lizwe.

Wongeze ngelithi intombi ibingawuthi cakatha owayo umcondo emzini ingathonjiswanga kowayo kuba iyakubizwa ngokuba iyinkwenkwe.