‘Andinanto yokwenza nokubulawa koo-Uyinene!’

Gibson George Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Ongusomashishini, ingcibi, ixhwele kwakunye neBhishophu yebandla iThembeni Church Of God in Zion, uGeorge Gibson, waseChebe kuCentane, uthi kumshiye edandathekile ukuthutyeleziswa komyalezo oshicilelweyo kuWhatsApp kusithiwa nguye unobangela wokubhubha kwamantombazana amabini akuCentane, nabhubhele eKapa.

Lo myalezo, omanyelwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthi “ Kuthiwa nguGeorge othume [obanjiweyo] ukuba abulale amantombazana aselula eKapa awakuCentane kuba efuna igazi namalwimi abo. Uthumele abantu abahamba ngeemoto kuba bazokufuna amalungu athile omzimba.”

La mantombazana akuCentane ngu-Uyinene Mrwetyana noNwabisa Mthumeni. UMrwetyana noMthumeni babhubhele eKapa, noxa nje ingabakuCentane. UMrwetyana wabulawelwa ePosini ngumsebenzi wePosi ovalelweyo eKapa , logama uMthumeni ebhubhe emva kokudutyulwa eKhayelitsha.

Intombazana ethile kolu shicilelo lukuWhatsApp idize ukuba ive kuthethwa kwisithuthi sikawonkewonke ngalo George udumileyo nangona ifani angakhange ayive ncam yona.

UGibson uthi ufuna lo mntu ushicilele lo myalezo acacise ezi zityholo zinzulu ngegama lakhe.

“Ndikrunekile emphefumlweni oko kuthe kwavela lo myalezo asisalali endlini kusa sijongile, kukhala neefowuni malunga nalo myalezo. Ngubani lo undicinezelayo? Ngubani lo undizondayo? Zizonyeliso zegama lam ezi. Ndingumtu othandwayo ngabantu nabantwana, ndiyaziwa ndikwasebenza ngabantu. Ngoku ndizojongwa kanjani ngabantu?

Andinakuze ndiyenze into enjalo. Andimazi nalo mfana kuthethwa ngaye, asazani,” utshilo uGibson.

UGibson uthi uyile emapoliseni kuCentane kodwa akancedakelanga. Uthi umcuphi asiwe kuye uthe akanokwazi kuba akuzubalula ukuwuphanda umyalezo oyena mntu usuke kuye.

Uthi esenza ezi nzame nje kukuba ufuna ukucoca igama lakhe elingcoliswayo.

Unkosikazi wakhe obehamba naye ngethuba ekwi-I’solezwe, uLikhanyile Gibson, uthi kwiveki ezayo baza kuya kwinkonzo enkulu eDutywa nalapho kuza kube kuze namanye amaphondo. “ Ixhala lethu kukuba abanye abantu baza kusijonga ngolunye uhlobo, ingakumbi siziinkokheli enkonzweni.

“Aba ngabantu abafuna nje ukohlutha isonka emilonyeni yethu abasingcoleleyo kuba bebona sizizamela. Abantwana baza kuba nala mbuzo wokuba utata ngumntu onje. Lo myalezo siwuve ngoLwesibini sisendleleni eza eMonti, sajika ngenxa yomothuko. Asabinawo amandla okuqhubekeka nendlela.”

“Xa uligqirha okanye umntu osebenzisa amayeza esintu nokuba awakho mdaka uye ufumane imingeni enje, utyholwe ngezenzo ezimdaka wonyeliswe,” uvale ngelo uGibson.

Idesika yezoNxibelelwano kumaPolisa ephondo leMpuma Koloni, ibingekaphefumli kulo mba ngethuba sipapasha.

abongile.ginya@inl.co.za