Andisabaweli ukuthimla

Kulo nyaka ufileyo, mhlawumbi ke nakweminye iminyaka eyafayo, ukuthimla ibingeyonto enokubizela amehlo kangako kangangokuba abanye bebede bakuxhase kwaye bakuphe ilizwi lokuba ukuthimla kwakho kufikelele ezandleni zabo ngokuthi ubave besithi ngesiLungu ‘Bless you’.

Omnye ke wocebisa ngelithi zama ukuthimla kwenzele uzokukwazi ukusikeleleka. Kodwa ngeentsukwana nje ezimbalwa ezimpilweni zethu izinto azisafani nakuqala tu kwaphela, ndithi ke ngelihamba ze ungakhe nje ngoku uthimle ze undixelele ukuba emva koko ingaba kuya kulandela ntoni na ngawe okanye ke imbewu yakho leyo yokuthimla iya kuzala ithamsanqa kusini na.

Nokuba ke oku singakubaleka kodwa ubomi bethu nje okwezi ntsukwana kuvele nje kwatshintsha ngesiquphe kwaye ke lona ivumba lokoyika alinambaliso kuba libhalwe kanye apha ebusweni bomntu ngamnye ukuya kuma emazantsi omphefumlo wethu obeleke unxunguphalo.

Ibingathi le ntsholongwane yinto ekude kakhulu ukuthi ukuqelela oku kwaye ke ingathi noko ngenxa yobude bayo imitha yayo ayisakuze iphandle iimpilo zethu. Kodwa xa kunamhlanje phinda ucinge mntakwethu.

Kuba sigqume iimbuso zethu sizimela ivumba layo. Sihlamba umzuzu ngamnye sizama ukubulala ukuphila kwayo kwenzela kungazali ukufa. Asisasondelelani njengesiqhelo kuba hleze kaloku kuthi kanti phakathi kwethu ukho lo uyifuyileyo, ngokuyifuya kwakhe ke akukho namnye ongathanda ukuba aphawulelwe kuloo mfuyo.

Osele enayo makahlale nayo. Andithethi ke ngobuntu ke bona. Ukhumbule kaloku thina ubuntu bethu buqala kanye apha kuthi emehlweni nendlela othi ujonge ngayo abanye abantu amehlo akho uwalungisile.

Ukusuka ke apho buyakhenketha obethu ubuntu bufike kanye phaya embilinini wezandla zethu, bufike apho bakhe kanobom kuba kaloku asibulisani ngazandla koko siyaxhawulana, ukubambana oku kwethu ngezandla.

Kuthi ke nalowo ebebilile ngenxa yobuntu nitsho ke nahlulelane ngaloo mbilo phofu ke nawe uyakuwugqithisa komnye phambi kokuba imini ife.

Asipheleli ke apho de thina aba senjenjeya ukwela kuba sidele umbilo wezandla zethu koko sitsho ukwangana ngamandla okweentsana zisangana nabazalikazi, ukuba ke ithuba nalo likho singonqeni nokuphuzana oku kuba kaloku singabantu abanobuntu.

Konke ke oku kwenzeka siphuma into ngomlomo, sizama ukungqinisisa ukuba ngokwenene alukho uthando olodlula olu. Suka ke ngophanyazo lwagaleleka undwendwe lungamenywanga, ndithi kuwe lasidubaduba alwanela nje ukwenza njalo koko lwatyala phakathi kwethu umsantsa omkhulukazi onga ngathi ubeleke uchuku kuba kaloku ukuwuvala kwakho hleze kuthi kanti ukhweba ukufa.

Kuthi ke nokuba oko kufa kuye kwafika kodwa wazi mhlophe ukuba kwelo khaya lakho awuzuzilelwa okanye ungcwatywe yilale yonke koko kumele babe linani elithile abo baza kuza. Nabo ke ubuso bube bugqunyiwe, ingqiniba ke ukubulisana.

Hayi ke kona ukuthimla uncede ungaqalisi noku kucinga oku andithethi ke ngokuba ukwenze woba uwuchamele umcimbi kwaye wolahlelwa ngaphandle ngophanyazo kuba kaloku wena ukukufa ngoku uhamba ukulima.

Ukukrokrelana phakathi kwethu kukhule kwedlula neziya zona iintaba zifun’ ukukrwec’ isibhakabhaka. Asisathethi kakhulu ngaphandle nje ke kokuyana ngamehlo nawo loo mehlo afumbathe ukukrokra nelizwi elizukile elithi ‘Hleze kuthi kanti nalo unayo’. Abe ke nalo ukujongileyo naye ecinga oko ngawe.

Akukho mntu uzoqala thando lutsha apha ilizwe lixakekile kwaye kungekho mntu uzonanazela apha esithubeni efuna into angayaziyo.

Asifuni noku iingcango zezindlu zethu zikrwelwa ngabankqonkqozayo kuba asazi ukuba emva konkqonkqo sabuzana impilo kuya kulandela ntoni. Hayi ke kungakubi kakhulu xa enokuthi lowo unkqonkqozayo aphinde atsho ukuthimla okuhamba nokukhohlela.

Ndicinga ukuba icebo lingalinye kuphela ingakokokuba angene nina ke nitsibe umgubasi, asele ehlala kamnandi ke apho kwelo khaya kuba kubi kakhulu.

Akukho mntu ubuka mntu apha ngaphakathi nangaphandle kuba kaloku kuyanuka kwaye ingqele yokoyika iyasiqabakela ngamaxesha onke. Kuyoyikeka ngeyona ndlela idlwengula umphefumlo, mandithi akumnandanga nokuhleka oku, uhleka ulaqaza hleze kuthi kanti ukhweba ingcwaba ngentsini.

Hay ke ukuqelelana oku ingakumbi xa kufike ithuba lokulala, mandithi ozithweleyo ngoku ebezithwele ngenxa engaphambili kuba kubi ngoku.

Udadewethu uligqibelo apha ekhaya uNozimbo ungumntu ke yena ungathuswa nje nantoni kuba kaloku jonga nangoku usandul’ ukufumana isoka elitsha kwaye ke asingomfo walapha ngoko ngumfo ophuma kwamanye amazwe kodwa ke akukho nto itheni apho kuba kaloku uthando liyakuhlala iluthando nanini na ke.

Qha ke kwezi ntsuku zidlulileyo ngenxa yobushushu bothando baye benjenjeya ukuqhubana ukuya kwelinye ilizwe (qha libalekile igama lalo ngoku) khona ukubukana emehlweni kuba kaloku uthando olutsha ke lunjalo.

Sizamile ke silusapho ukumcebisa ukuba azame nokujonga umgama lo wakhe kwaye baqiniseke ukuba ikhwelo likaRhulumente welo zwe bayalimamela malunga nalo bhubhane. Hay’ wangathi uvile kodwa hay’ izenzo zakhe zona nalo mntu wakhe zithetha enye into.

Izolo elinye ke ebekhe watsalela umnxeba umkhuluwa emazisa ukuba uyabuya kwaye unqwenela ukuba ayokuphumla kanye phaya kwamkhuluwa hay’ ke owam ubhuti wakhaba ngawo onke. Bacebisana ke ukuba azakhe azame ukuthetha nam ze sibone ukuba kuza kwenza njani.

Waluphalaza ke umkhuluwa oludaba phakathi kosapho, ibe ngathi usibikela umphanga kuba kusuke nje kwathi cwaka apha endlwini kwabakho nabantywizisayo beqwalasele phantsi.

Hayi ke mna ukujingisa umlomo emva kwalo maski isixwexwe emlonyeni ukuya kunqandwa ngamehlo. Ndothuke kakubi. Kuba kusithiwa ufuna ukuza kwam.

Ungumntu ke ofika namhlanje kodwa ndicinga ndiya kusindiswa kukuba ndinganxibanga noko umntwana kamama notata akanaze eyenze into yokungena ndihamba ze. Akacingi tu!!!!