‘Andiseli utywala mna’

Uthi aziyonyani iingxelo zokuba ebezintyintye ngobhelu lomsele umphathiswa uBathabile Dlamini ngethuba ebethukwa ngabahlali eBhayi.

“Aziyonyani iingxelo zokuba bendisele utywala ngokuya bendithetha nabantu eBhayi, bakhona abantu abahamba besithi bendinxilile.

Lo mphathiswa ufumene ubhabhatizo lomlilo ngethuba ethukwa ngabahlali abebemtyhola ngokuba unxilile, ebevula iziko lokugcina abantu abadala eBhayi kwiveki ephelileyo.

“Utywala andibuchathi nakancinci, ndidibana nabo kuphela eCaweni xa ndibunikwa ngumfundisi enkonzweni, le nto kuthwa yiwayini,”utsho uDlamini.

Lo mphathiswa uvele kumajelo eendaba kwiveki ephelileyo elila iinyembezi emva kokuba ethukwe ngumhlali emtyhola ngokuba usele utywala.

UDlamini ubeyinxalenye yeenkokheli zombutho we- ANC ebeziphithizela eBhayi ngethuba lo mbutho ulawulayo ubulungiselela ukumisela umqulu wabo wezithembiso.

Ukanti usekela mphathiswa uPam Tshwete ongunobangela wale nkqubo uchaza imvelaphi yeenzame zakhe.

“Ekuqaleni kwalo nyaka sifike apha saxelelwa ukuba kukho iingxaki entlalweni nasezikolweni, ingxaki yabantwana abasebenzisa iziyobisi namakhaya akhokelwe ngabantwana,”utshilo uTshwete.

Uthi, wenza oku konke egameni labantu base- Ngqushwa ngenxa yokuba kukho imfuneko yoko.

“Ndingulo mphathiswa kuba ndavotelwa ngaba bantu, ngoko ke ngumsebenzi wam ukuqinisekisa ukuba iinkonzo ziyeza kubantu baseNgqushwa, ayinanto yokwenza nonyulo yonke le nto,”utshilo uTshwete.