Andiyazi iBMF, kutsho uMtsi

“Andiyazi iBMF!” Le ibe yimvula-mlomo kaSodolophu waseBuffalo City uAlfred Mtsi ngethuba kubanjwe umsitho wephondo wokubhiyozela iminyaka engamashumi amane lasekwayo iQonga looManejala abaMnyama (Black Management Forum [BMF]) nobubanjelwe kwihotele i-ICC eMonti ngoLwesine.

Lo msitho ubuzinyaswe ziindwalutho ezifana noNoxolo Kiviet ongusomlomo kwiPalamente yephondo, obesakuba nguMongameli weBMF uBheki Sibiya kwakunye namagqala eBMF.

Lo mbutho wasekwa ngo1986 ngeenjongo zokulwa iinguqu kwiimeko zoshishino noqoqosho khon’ ukuze zilungele isininzi sabantu boMzantsi Afrika, abantu abamnyama. Iselelodabi ke nangoku kuba lo mbutho ukholelwa ukuba uqoqosho noshishino loMzantsi Afrika lusesezandleni zabantu abamhlophe.

Kodwa ke nangona nje iBMF itabalaza isilwela abantu abamnyama, abantu abaninzi abafana noMtsi abawazi ncakasana lo mbutho.

UMtsi uthi nangona nje engenalwazi luphangaleleyo ngeBMF, ukholelwa ukuba iinjongo zokusekwa kwayo ziluncedo kubantu abantsundu kweli.

“Umasipala wethu iBCM unesikhululo seenqwelomoya (East London Airport) kwakunye nelinye lamazibuko amakhulu (East London Port). Oko kuthetha ukuba maninzi kakhulu amathuba okwenza ushishino nomasipala wethu,” kutsho uMtsi, okwanqwenelele okuhle lo mbutho.

Obesakuba ngusihlalo weBMF eMpuma Koloni uThando Mpulu uthi kukho imfuno emandla yokuba lo mbutho uzazise gabalala eluntwini nakwiinkokeli.

“Obesakuba yiNkulumbuso yeli phondo uNosimo Balindlela wayesibiza ukuba siyiBFM,” utshilo uMpulu, yahleka yonke indlu.

Ngeenzame zokwaziswa kwalo mbutho, uMpulu umemelele kuKiviet ukuba abongoze abasebenzi abakwinqanaba lobumanejala kwiPalamente yephondo ukuba bazibandakanye neBMF. Eli khwelo likwahlatywe nakuMtsi okokuba athethe nabakhe oomanejala abamnyama ukuba bazibandakanye neBMF.

Usihlalo weBMF eMpuma Koloni uTabisa Sigwela uthi umceli mngeni ngowokuba baye eluntwini, bazise umbutho. “Sinesicwangciso esitsha sokuthetha ngqo noluntu ngokuthi sisebenzise amaqonga ezeendaba ukwazisa iBMF. Ngokwesi sicwangciso, abantu bazakutsho bazi banzi ngeBMF,” utsho uSigwela.

Ethetha kwakulo msitho uSibiya ubongoze onke amalungu eBMF ukuba asondele kufutshane nemizi yoqeqesho efana neeTVET Colleges khon’ ukuze azi banzi ngeenkqubo ezikhoyo kwezo kholeji.

Intetho-nkuthazo kaSibiya ithi, xa ungenakukwazi ukutshintsha ihlabathi, ilizwe kwakunye nosapho lwakho, tshintsha isiqu sakho kuba hleze kungakho umntu onokufunda nto ngalo nto, azitshintshe naye.

Ukufunda banzi malunga nokuba yintoni iBMF, ungazibandakanya njani nayo, funda kwicandelo lethu lezoshishino ngoLwesithathu.