‘Andiyazi yintoni eyabonwa kum’- Makupula

UMphathiswa wezemfundo uMandla Makupula kwintetha yakhe emalunga neziphumo zabafundi bebanga lesishumi, eMonti. UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

UMphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula uthi usazibuza nanamhla oku ukuba yintoni eyabonwa kuye ukuze achongwe njengomphathiswa kweli sebe.

 

UMakupula ebethetha kwiziko iEducation Leadership Institute eStirling eMonti ngoLwesine ngethuba ebhengeza ngokusesikweni iziphumo zebanga leshumi zaseMpuma Koloni zonyaka ka2016.

 

Njengakweminye iminyaka edlulileyo, iMpuma Koloni isekwarhuqa emsileni xa ithelekiswa namanye amaphondo kwezi ziphumo. Eli phondo lizuze u-59.3 weepesenti, impucuko ka-2.5 weepesenti xa kuthelekiswa no-56.8 weepesenti ka2015.

 

“Sinamaphondo alithoba eMzantsi Afrika, kufanelekile ke ukuba kubekho elikwindawo yokuqala nelikwindawo yokugqibela. Into embi kukuba yiMpuma Koloni esoloko ikwindawo yokugqibela,” kutsho uMakupula.

 

UMakupula uthi waqeqeshelwa ubutitshala wahlohla izibalo nenzululwazi. “Kuyabonakala ukuba umbutho olawulayo (ANC) wabona nto ithile apha kum, le bangekandixeleli okwangoku. Mhlawumbi iNkulumbuso (Phumulo Masualle) yabona nto ithile kum,” utsho uMphathiswa.

 

“Xa ndinokukhutshwa esihlalweni njengomphathiswa ndakuwenza lo myalelo,” utshilo uMakupula.

 

Ebhekisa kuluntu laseMpuma Koloni, uMakupula uthe: “Ndixhalabile njengaye nawuphi na umntu waseMpuma Koloni malunga nezi ziphumo.”

 

“Kodwa ke kubalulekile ukuqwalasela umsebenzi omkhulu esiwenzileyo silisebe. Ngokomzekelo, umfundi wokuqala omnyama othe watshatshela kwilizwe liphela ebephuma apha kweli phondo. Lowo nguLuvo Luzipho wase-St James kuCofimvaba owabhengezwa ngonyaka ka2014 njengomfundi wokuqala omnyama ogqwesileyo phantsi kwenkqubo yentando yesininzi,” utshilo uMakupula.