‘Andizange ndikuxhase ukugxothwa kukaMbeki’-Zuma

UMongameli Jacob Zuma ebeka phantsi iintambo njengomongameli UMFANEKISO: Siphiwe Sibeko

UMongameli Jacob Zuma uthi akazange akuxhase ukugxothwa kobesakuba nguMongameli uThabo Mbeki ngo2008, watsho esithi waziphikisa iinkokeli zeANC malunga neso sigqibo “kodwa ndohlulwa sisininzi”.


“Ngethuba iNEC (ikomiti embaxa yeANC) yayithatha isigqibo sokugxotha u [Thabo] Mbeki, ndabuza ukuba kungxanyelwe phi, kodwa ndohlulwa sisininzi,” utshilo uZuma, ngethuba ekudliwano-ndlebe olukhethekileyo nomsasazeli woluntu iSABC ngexesha lesidlo sasemini ngoLwesithathu.

Kodwa eli bango likaZuma liphikisiwe yinkokeli ye-EFF uJulius Malema kuTwitter. “Uthetha ubu#uvu, uCR [Cyril Ramaphosa] nguye owayeyiphikisana nalo nto. UZuma wandixelela ukuba kufuneka sisuse uMbeki kuba [uZuma] akanakusebenza naye,” kubhale uMalema kuTwitter, owayenguMongameli weANC Youth League ngelo xesha.

NgoLwesibini iThabo Mbeki Foundation ithe iyakwamkela ukugxothwa kukaZuma yiANC. “Ibicacile kwiminyaka eliqela eyokuba imidla yabantu belizwe lakowethu iyakufezekiswa xa eyekile ukuba nguMongameli welizwe loMzantsi Afrika uMnu. Zuma. Le nto, ebekufanele ukuba kudala yenzekile, inika iANC ithuba lokukhawuleza iqubisane nemingeni ejongene nabantu belizwe loMzantsi Afrika,” itshilo iThabo Mbeki Foundation kwimbalelwano.  

UZuma ukwathe akasiboni isizathu sokulahla kwisikhundla sakhe, kuba akaxelelwanga ukuba yintoni ingxaki. “Kuthwa ndimoshile, ndiyababuza ukuba ndimoshe ntoni. Ayingomqaqo weANC ukuba kutshintshwe uMongameli welizwe, xa kukho isikhokelo esitsha embuthweni,” utshilo uZuma.

Kusenjalo, ababhexeshi bamaqela ezopolitiko ePalamente bavumelene ngelithi xa uZuma engayifaki imbalelwano yokubeka phantsi iintambo ngoLwesithathu, usuku lwangoLwesine luza kubekelwa bucala ukuqala inkqubo yokuxoxa umba wokungamthembi uZuma.

Emva kwale nkqubo, enikwe igunya nguSomlomo uBaleka Mbete, kuza kuxoxwa ngenkqubo yokonyulwa koMongameli omtsha ze afungiswe ngoLwesihlanu. Lo Mongameli mtsha nguye oza kwenza intetho emalunga nobume besizwe ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. Esi siphakamiso sixhaswe ngawo onke amaqela ezopolitiko ePalamente kuquka neANC.