Angasengxakini amalungu eANC athukana kuTwitter noFacebook

UKUBA isiphakamiso somgaqo-nkqubo ongqingqwa weANC malunga nokusetyenziswa kwamaqonga onxibelelwano siyaphunyezwa, angazibona esengxakini amalungu alo mbutho asebenzisa uFacebook noTwitter ukuyucana.

Oku kuza emva kokuba abathunywa beANC eMpuma Koloni, kwinkomfa yemigaqo-nkqubo kazwelonke ebibanjelwe eRhawutini, bephakamise ukuba lo mbutho kufanele ukuba uqinise umgaqo-nkqubo wokulawula indlela azityanda ngayo amalungu alo mbutho kumaqonga kaFacebook noTwitter.

Le nkomfa, ebibanjelwe eNasrec, ithathe iintsuku ezintandathu ukuzokuma izolo, uLwesithathu womhla wesihlanu kule nyanga.

Kwisiphakamiso seANC yaseMpuma Koloni, esibonwe liphephandaba I’solezwe, kubongozwa ukuba umbutho kufuneka uwoluleke amalungu alo mbutho asebenzisa uFacebook noTwitter “ukurhuqela igama leANC eludakeni”.

“Amaqonga onxibelelwano ayayonzakalisa iANC ingakumbi xa amalungu neenkokeli bephikisana ngemiba abangaqinisekanga nokuba kufanele ukuba iyaxoxwa kusini na.

“Ukuba lo mgaqo-nkqubo wamaqonga onxibelelwano uyaphunyezwa, ilungu leANC elithetha into enobuxoki [kuFacebook noTwitter] lizakolulekwa,” utshilo umthunywa weANC waseMpuma Koloni obekule nkomfa.

“Amaqonga ezonxibelelwano mayibe ziindawo zokukhuthaza izithethe zeANC, hayi iindawo yokuyucana,” utshilo lo mthunywa.

Kusenjalo, le nkomfa ikwaxoxe ukuba ukukhonkxwa kwezoqoqosho liqela labantu abathile, akunabala – koko kufuna ukuba umba usonjululwe khon’ ukuze uqoqosho luxhamlise wonke umntu.

Kumba wabantu abasebenzisa amandla wabo kwanobuhlanga ukuphatha gadalala abanye, abathunywa bavumelene ukuba umbutho mawuqinise imigaqo-nkqubo ukuqubisana noko. Umbutho ubongoza ukuba eyona minyaka mincinci ejele kubantu abaphatha gadalala amakhosikazi, kufuneka ibeyiminyaka elishumi elinesihlanu.