UTITSHALA wesikolo samabanga aphezulu iNtsika, eRhini, angazibona esengxakini ngenxa yombhalo awubhale kuFacebook esithi ubhentselwe ngabafundi kwigumbi lokufundisela.
Isebe lezemfundo laseMpuma Koloni liyavutha ngumsindo kwaye liyaqhuba nophando lwalo emva kokuba lo titshala, owaziwayo ngegama liphephandaba I’solezwe, ebhale kuFacebook wakhe esithi ubhentselwe ngabafundi ngethuba ebahlohla kwigumbi lokufundisa.
KuFacebook wakhe kwiveki ephelileyo, lo titshala ubhale esithi: “Andisebhentselwe Yehova kule Classndithini ke mna? MOER!!!”
Ngonyaka ka2014, le titshala inye yabhala kuFacebook wayo: “Ndina[ma]tsheri amayi-5 mna pha kwaGrade 11. Nindenza isilambi”
Le mibhalo idale ukunxakama kumakhasi onxibelelwano, nto leyo ithe yanyanzela isebe lezemfundo ephondweni ukuba lithabathe amanyathelo.
UBukeka Bee Ncwabekazi Mcoboki, ubhale kuFacebook esithi: “Owam utitshala wayesithi xa umntwana oyintombi ebhentsile…akubize ngefani athi hlala kakuhle…ngumzali ke lowo. Hayi lo uzobhala kuFacebook ngokubhentsa kwabantwana…”
UMawande Kutyana uthe: “Abantwana babhentsa njani na? Ayingomzali na lo? Abantwana bethu basengxakini.”
Logama uSanele Mazolwana yena ebhale ngolu hlobo kuFacebook wakhe: “Xa ebhentselwe athini ke. Abanye abantwana basile bayenza nangamabom lo nto.”
Umfundi ofunda eNtsika uyichaze le titshala njengomntu ongakuchasanga ukuqhasa abafundi. “Ngamanye amaxesha ukhe afune iinombolo zabafundi abangamantombazana,” utshilo lo mfundi.
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni liyaqhuba nophando lwalo ngakule titshala, kwaye lithi lizakuthatha amanyathelo xa sele luziqokelele zonke iinkcukacha elizifunayo malunga noku.
Intloko yesebe ephondweni uThemba Kojana, uthi le nto yenziwe ngulo titshala ilihlazo kootitshala.
“Ndiyasigxeka esi senzo salo titshala, futhi ndiyalele ukuba kwenziwe uphando ngakuye kuba le nto irhuqela eludakeni isidima sootitshala. Ndikwacele icandelo lethu lezomthetho ukuba liphande esi sehlo lijonge ncakasana umsebenzi wakhe njengesicaka soluntu,” utshilo uKojana.
UKojana uthi uphando lwabo luzakuqamela ngesolotya lomthetho elilawula ingqesho yootitshala elaziwa njengeEmployment of Educator’s Act of 1998.
“Ndifuna ukulumkisa bonke ootitshala bethu ukuba bazakuphulukana nemisebenzi yabo ukuba basaqhubeka bebona abalingane bokwabelana ngesondo kubafundi bethu,” kulumkisa uKojana.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!