Angcwatyiwe amaxhoba omlilo!

Intente izele ngabahlali

Baphume ngobuninzi abantu bezokunika imbeko yokugqibela kumalungu osapho lakwaXalisile kwilali yaseCiko kuGatyana.

Ilanga liyatshisa likhuph’ intlanzi emanzini. 
 
Olu sapho laphulukana namalungu asixhenxe nathi atsha ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuJulayi.

Intente izele ime ngeembambo kunzima nokuhamba kuyo xa ungaphakathi.

Kuba ingabantu abasweleke ngengozi baye bayokuqhushekwa ekuseni ngentsimbi yesixhenxe ze inkonzo yaqhuba ententeni imizimba ingekho. 
Emva kwenkonzo yezithethi kuza kuyiwa emadlakeni kuyoqhutywa inkonzo yasemadlekeni.

UMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu, uSiphokazi Mani- Lusithi, uyinxalenye yabantu abazimase lo mngcwabo kwaye uphelekwa ngusodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda.

Utata wasekuhlaleni uAmos Mdlulwa uzityande igila malunga nesehlo esithe sachaphazela olu sapho.

“Siphulukene nendlezana apha kule lali. Umama uNowandisile ibingumntu obathanda kakhulu abantu. Siziva sinkenenkene sesi sehlo senzeke kulo mzi. Mna ndingumntu osondele kakhulu apha kolu sapho. 
Lo mzi walapha ngumzi osuka kwenye ilali ekwalapha kuGatyana. 
 
“Kuthe kusakusweleka utata walapha kwiminyaka embalwa edlulileyo, iingwevu zalo mzi zaye zandicela ukuba mandijonge lo mzi kuba wona la maxhego akude apha. Undiva ndisithi ndisondele kulo mzi nje kungenxa yaloo nto. Lo mama ngumntu ebebathanda kakhulu abantwana bakhe kwaye ubaqeqeshile,” utsho uMdlulwa.

Nanga amagama abo: ngumama uNowandisile (56), intombi kamama uNowandisile uAbongile (28) kwakunye nabazukulwana bakhe uCinga (14), uKungawo (12), uSimange (7) kwakunye namawele uSibonguthando and Simosothando (3).