‘Aniyisebenzelanga imali yenkankam’

Uluntu obeluzimase intetho kaNancy Sihlwayi kwiholo lesixeko saseMthatha

“Yohlukanani nokuteketisa ngemali yesibonelelo sokuguga yeyokujonga wena nempilo yakho kuphela.”

La ngamazwi omphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo eMpuma Koloni uNancy Sihlwayi.

USihlwayi ukutsho oku ngethuba ethetha nenkonde nenkondekazi, nabantu abakhubazekileyo abaxhamla izibonelelo zikarhulumente kwindibano ebibanjelwe kwiholo yesixeko saseMthatha.

Injongo yale ndibano ibikukuphehlelela inyanga yophuhliso lwentlalo yoluntu. Ngabantu abadala abangaphezulu kwamawaka amabini abasuka kwisithili seOR Tambo abebeyinxalenye yalo msitho.

“Le mali yesibonelelo awuyinikelwa ukuba wondle ngayo abantu bosapho lwakho, yenzelwe ukujongana nempilo yakho njengomntu omdala, uthenge impahla ukwazi ukhwela uyothatha ipilisi kumaziko empilo. Okwesibini khanicinge indlela yokuziphuhlisa ngale mali kuba asoze yonele imali,” utshilo uSihlwayi.

UNosisa Mfono okwiqumrhu labantu abadala eOR Tambo ubongoze umphathiswa ukuba anyuse imali yesibonelelo sabantu abadala ibeninzi esithi incinane kakhulu kwingxaki zabo.

UMfono uthe: “Mphathiswa sicela unyuse imali yethu incinane kwaye nisifunele umatshonisa osemthethweni nilisebe ozotsala imali elingeneyo. Sicela uphinde wenze uphando ngenkampani ezitsala imali yethu singabantu abadala siyakhala ngale ngxaki.”

USihlwayi akhange afihlise uphendule wathi “Imali ayisoze yonele wonke umntu kuba sele bebaninzi abantu abahlawulwa le mali. Aniyisebenzelanga kaloku lemali ndingcono mna ndiyasebenza.”

Ngokwengxelo iOR Tambo yonganyelwe kukuthathwa kwezazisi namakhadi abantu abadala ngoomatshonisa kodwa elisebe lithi lifuna ukusiphula nengcambu lomkhuba.

UZalisile Njotina oyimanejala kwi-arhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA eOR Tambo uthi abantu abadala abanengxaki yokutyelwa imali ngoomatshonisa mabatyelele ii-ofisi zeli sebe bazoncedakala.