Anizange neva nasemdudweni na?

Andukutsho ukuthi ndixakiwe zizinto ezenzekayo kule mihla, kuba ndikholelwa ukuba akwenzeki nto ezweni lungakhange luhlakazwe ucweyo, nokuba kungeemboni nokuba kungeembongi nokuba kungabaprofeti. Konke okwenzekayo, kwilixa ekusukuba kusenzeka ngalo, kushotyiwe.

Njengokuba ndingumntu weendaba, ukuva ukuba umoya usinga kuliphi na icala kwanokuba kwenzeka ntoni na elizweni, andiligqibi iphepha ndingakhange ndonakale emphefumlweni.

Iindyikityha zokufa ezidalwa zizenzo zabantu; izinto ezifana neengozi ezindleleni nokubulawa kwabantwana nodlwengulo nokugwintwa kwamabhinqa nokuzalwa kweentsana zilahlwe, nazo zonke nje izenzo zempambano ezinjengezo, ziyandiduba.

Ndazi imbinana yabantu abangafuni kwanto idibene neendaba kuba besithi iindaba zale mihla zimbi.

Ixesha eli bendisithi baphambene, kuba kuleyo nto yabo baphoswa nazizinto abamele kuziva. Kodwa namhlanje ndiyaluqonda uluvo lwabo, kukuzama ukuzonga. Nam sendingxamele kanye leyo nto kwizinto ezinokukhawuleza zindigqibe. Ndisuka ndizithulele xa ndiqonda ukuba ukuthetha akuzunceda nto.

Ukuba ndikhalimile, ze ukukhalima kwam kwanqwa nokusuza kwexhego, andiphindi ndizidube ingakumbi xa ndinengqiniseko yokuba abantu baziqinise ngabomu iindlebe zabo.

Mna mntu ube nethamsanqa lokukhe axhamle amaxa angafaniyo nala ndiphila kuwo ngoku, ndibona impambano yodwa kuninzi lwabantu kule mihla.

Akunakuba kusezinkonzweni, akunakuba kusezindywaleni, akunakuba kusezimbarheni; amehlo am abona impambano ubukhulu becala. Mhlawumbi ke oyena mntu uphambeneyo ikwandim lo, kuba abantu bale mpambano ndiyibonayo mna basoloko bekhangeleka bonwabile, bekwenza ngesigqezu oko ndithi yimpambano.

Jongani ukuziphatha kwabaqhankqalazi, nababulali bamabhinqa, nababulali babakhwetha, nabazala iintsana bazilahle ngathi batuwile noxa bezele, namanxila ezindleleni nezibethi-nina nezibethi-yise nabohenyuzo!

Aniboni suntswana lempambano na nina kwezi zintlu? Mandiniyeke ke kambe, besenditshilo ukuba hleze kuthi kanti ndikhomba impambano ebantwini nje ndim oyena uphambeneyo, zonke ezi zinto zilungile.

Nanjengegagu, elithi lihleli nje libaze iindlebe kuyo yonke into ezithi iindlebe zalo ziyiphunge, ndetyise ndikhangele ukuphila, ndinalo elokuziphendula kuyo yonke le nyhobhatyikili.

Besele nditshilo ukuba akukho ike yenzeke ezweni lungakhange luhlakazwe ucweyo ngayo, nokuba kungeemboni nokuba kungeembongi nokuba kungabaprofeti.

Elo ke lelithi konke oku kwenzekayo akukhange kufihlwe, kunjalo nje kutyhilwe kubo bonke abantu kwangemihla yangaphambili. Basekho ke abanye babo bantu bakuvayo oko. Emijadwini nasemidudweni achaziwe la maxesha ziimboni neembongi zakwaXhosa.

Incwadi yoBulumko ifika nje sele kukudala kuthethwa ngezi zinto. Izinto efike nazo Yona azibanga ntsha, ndaweni yoko zisuke zagcwalisa kumanakanibe ebesihleli sinawo. Sele kutshila leyo Ncwadi ke ukuchaza amaxesha esikuwo, esasiweve kwantlandlolo ke phofu ukuba ayeza, siweva ngabethu abantu.

Ndiyabavela ke abafumene uluchwe lokucekisa izinto ezinjalo ngokunga zinento ezimjika zimenze yona umntu engakholwanga. Yimikhombe ejikwayo, umntu yena uyazijika.

Ukuphulaphula akoni, nokuba uphulaphula kubani na. Nokuthuka ilitye okhubeka kulo endaweni yokuqondisa umendo wakho bubuyatha kuwe!

Masingabi ngathi akukho apho zike zathethwa khona ke ezi zinto zenzeka kule mihla. Abalibeleyo mabakhunjuzwe, abakhumbulayo mababalise.

Amaphulo esiwenzayo ukunqanda le mikhuba abalulekile, kodwa abhula umsi endaweni yomlilo.

Umhlambi weempuku awunakuqoqoshwa ngokwalusiswa ngomagoloda. Nezikhova ezibizelwa ukugxotha iimpuku zondla zona ngaphezu komsebenzi lowo ziwumiselweyo. Ndishiya obo buciko ke ukuze lowo ufundayo aqiqe.

Ukufa nobomi necebo zilele sikhundleni sinye mawethu. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.