Aphela amaxhegwazana, etyholwa ngokuthakatha!

ZiyEnyuka iziganeko zokuhlaselwa kwabantu abadala ingakumbi abo bangoomama. Kambe abanye bayadlwengulwa kuba behlala bodwa emizini yabo, abanye bayabulawa kuba kusithiwa bayathakatha.

Kule veki kuse kudutyulwe entloko ixhegokazi elinamashumi asibhozo anesihlanu (85) ubudala lelali yakwaVininda eDutywa.

Ngokwengxelo ephuma kumapolisa ephondo, eli xhegwazana belilele lodwa kurontawuli walo ngethuba lifunyanwa ngabamelwane kusasa sele libanda.

Owona nobangela wokudutyulwa kubulawe eli xhegwazana awaziwa kwaye kungekabanjwa mntu.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Liziwe Ntshinga uthi lo ubulele umakhulu omdala ongakwazi kuzilwela akafanekanga kuhlala phakathi kwabantu, ufanele kukuhlala ejele.

UNtshinga uthi: “Akukho namnye ofanele ukubhubha ngokuthi abulawe. Oku asizukunyamezela.

Umthetho kwakunye nomgaqosiseko ubandakanya namalungelo oluntu.”

Amapolisa abongoza lowo unokuthi abe nolwazi ngokudutyulwa kweli xhegwazana eze ngaphambili emapoliseni, igama lakhe lakukhuseleka.

Eli xhegwazana ayilelelokuqala ukuphathwa gadalala kule nyanga inye, kanye le yaziwa ngokuba yeyamalungelo oluntu.

Kwiveki ephelileyo kutshiswe ixhegokazi elinamashumi asibhozo anesithathu (83) lakuMajuba eSterkspruit, litshiswa lulutsha kuba limtyhola ngezenzo zobugqwirha.

Okwathi kwavusa umnyele kulutsha kutyholwa ukuba umzukulwana wexhegwazana eli wampola evenkileni kuhleli ulutsha, esithi udiniwe yena ukutyisa abantu ababhubhileyo abagcinwe ngumakhulu wakhe phantsi kwebhedi.

Ngokwengxelo, aba bantu babexelwa ngumzukulwana ngabelali le kwaye babesandula ukubhubha ngendlela engaqondakaliyo.

Inkulubaphathiswa yephondo uOscar Mabuyane uyazikhalimela ezi zenzo zokubulawa kabuhlungu kwamaxhegwazana kuba etyholwa ngokuthakatha.

Uthi akukho namnye apha eMzantsi Afrika onelungelo lokubulala omnye umntu.

Abarhanelwa abahlanu babanjiwe kwiveki ephelileyo nababandakanyeka ekubulaweni komakhulu wakwaMajuba eSterkspruit.

Amapolisa ephondo abongoza nabani na onokuthi abe nolwazi malunga nokubulawa kwexhegwazana lakwaVininda eDutywa.