Aqeqeshwe ngomthetho wezomhlaba amagosa

Icandelo lezifundo zobunjineli kwiYunivesithi iNelson Mandela Metropolitan lihlanganise amagosa oomasipala abohlukeneyo beli phondo leMpuma Koloni libacacisela ngomthetho wezomhlaba iSPLUMA (Spatial Planning and Land Use Management Act).

Le ntlanganiso nebichotshelwe kwihotele yaseMonti i-ICC kule mpelaveki siyishiyayo. Lo mthetho noyilwe ngo2013, kodwa uqale ukusetyenziswa ngomhla wokuqala kweyeKhala ngo2015. Lo mthetho ukho ukuze ucwangcise, kwaye ukwakhawulelane nendlela yokusetyenziswa komhlaba ezilalini.

I-SPLUMA izakuncedisa ukulungiswa kwemigaqo-nkqubo yemihlaba ngooMasipala. Kananjalo lo mthetho uvula iindlela zokusebenzisana kweenkokeli zemveli nezo zikaMasipala mayelana nomhlaba. Uceba womasipala iGreat Kei (nophantsi komasipala wesithili iAmathole) uMluleki Mali nobeyinxalenye yolu qeqesho uthi okunene olu qeqesho lubaxhobise nangakumbi bengooceba, kwaye uyathemba ukuba ulwazi abalifumene apha luyakuba lulutho kwintsebenziswano yabo neenkokeli zemveli.

Ngexesha ethetha noonondaba ngaphandle kwale hotele uMali uthe: “Olu qeqesho aluncedi nje ekusaziseni ngomthetho kaSPLUMA, kodwa lukwasixhobise ngendlela eyiyo yokuzisa iinkonzo eluntwini.”

Obeqhuba oluqeqesho uLungile Mxube uthi ingqwalasela emandla imele ijoliswe kwabo masipala bamhlaba wabo mninzi uzilali.

OoMasipala ebebemelwe kolu qeqesho ngumasipala wesithili iAmathole apho kuquka iNgqushwa, Mahlathi, Great Kei, Nkonkobe, Mnquma noMbhashe. Kananjalo uMasipala ombaxa weBuffalo City ubukwamelwe kolu qeqesho.