Aqhweshe eziseleni amabanjwa anobungozi

Indawo echazwe ngamapolisa aseMaluti njengeqhaqhwe ngamabanjwa asixhenxe, ze aphuma ngayo, abaleka elugcinweni lamapolisa. Umifanekiso ithunyelwe

Aqhweshe eziseleni zamapolisa amabanjwa asixhenxe, nachazwe njenganobungozi eMaluti kubusuku baphezolo.

La mabanjwa akwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu ukuya kwengamashumi amane, ebevalelwe esiseleni esinye, kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi wale dolophu ngezityholo eziquka ukubulala, ukudlwengula, ukuqhekeza nokuba imfuyo.

Othethela amapolisa uKhapteni Raphael Motloung uthi kurhanelwa ukuba asebenzise iingubo ukunyuka udonga lwezi zisele, ze aqhaqha ekudibaneni kophahla nomnyango wezisele ukuphumela ngaphandle, emva koko acela kwabanentsente. 

UMotloung ulumkise uluntu ngobungozi bala mabanjwa.“Anobungozi kakhulu la mabanjwa, sicela abantu bangazami ukuwabamba okanye ukuwothusa xa benokuwabona koko bazise amapolisa akufutshane nabo,” utshilo uMotloung.

“Asebenzise ubuchule obuthile ukuqhaqha udonga nokunyaka ngeengubo ebelala ngazo, nathi singamapolisa simangele, akuyonto iqhelekileyo noko le,” uqhube watsho.

Ingxelo iqhuba ithi ngamabanjwa alishumi elinesine ebegcinwe kwesi sisele, isiqingatha sawo sishiyeke apho esiseleni. Amapolisa asalanda ekhondweni lesi sixhenxe.