AMAPOLISA eMpuma Koloni abila esoma ekhangela amabanjwa asixhenxe (7) aqhweshe ngefestile kwiZiko lezoLuleko laseMakhanda ngale ntsasa.
Ngokutsho kukaKapteni Majola Nkohli, uthi oku kuqatshelwe malunga nentsimbi yesine ekuseni ngethuba igosa ebeliphangele belizokuhlola intolongo labona kulayitwe izibane kwesinye sezisele.
“Kulapho kuqatshelwe ukuba isixhenxe samabanjwa siqhweshe ngefestile. Kuyaphandwa ngokukhokelele koku,” kutsho uNkohli.
La mabanjwa aqhawuleyo achazwe njengoLuvuyo September, ongummi woMzantsi Afrika obanjelwe ityala lokubulala, ukuzama ukubulala, ukuxhwila nokukhuthuza.
Owesibini, uBennet Kwarrie, ummi waseZimbabwe, obanjelwe ukuqhekeza, ubusela nokuzama ukubulala.
Owesithathu nguSimba Masinga, naye waseZimbabwe obanjelwe ukufunyanwa neempondo zomkhombe.
Owesine, uTrymore Chauke, waseZimbabwe naye obanjelwe iimpondo zomkhombe.
Owesihlanu, uNhamo Muyambo, waseZimbabwe obanjelwe iimpondo zomkhombe.
Owesithandathu, uAbraham Moyane, ongowaseZimbabwe naye obanjelwe ukubaneempondo zomkhombe.
Owesixhenxe nguFrancis Chitiyo, waseZimbabwe naye okwabanjelwe iimpondo zomkhombe.
Abahlali bayalumkiswa ukuba bangazami ukusondela kula mabanjwa kuba anobungozi, endaweni yoko bathinte amapolisa.
“Sikwacela abahlali ukuba bangazikhuseli ezi zikrelemnqa nanjengoko bayakube besophula umthetho,” kutsho uNkohli.
UMkomishinala wamaPolisa ePhondo, uNomthetheleli Mene, umemelele iiyure ezingama72 zesicwangciso sokubamba la mabanjwa.
Ityala lokuQhwesha eluGcinweni oluseMthethweni livuliwe.
Onolwazi malunga nezi zigilamkhuba uyacelwa ukuba aqhakamshelane nomphandi wetyala uDetective Captain Glen Peter kwa: 082 301 9427 okanye kwaCrime Stop ku: 08600 10111 kungenjalo aye kwisikhululo esikufutshane samapolisa.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8