Ijelo losasazo iSouth African Broadcasting Corporation, iSABC ngamafutshane, eMpuma Koloni, idlulise amazwi ovelwano kusapho lomsasazi woMhlobo Wenene ongasekhoyo uMfundisi Nomonde Vakalisa.
UVakalisa uswelekele esibhedlele ngoLwesithathu ekuseni kule veki, emva kokuhlaselwa yingulo. Ebesaziwa ngokuqhuba iinkqubo ezahlukeneyo zokholo kuMhlobo Wenene FM.
Amazwi ovelwano asaphokoka naphuma kwiinkalo zonke. Iinkqubo zakhe zokholo kunomathotholo nakumabonakude bezithandwa ngabaninzi.
Obesebenza nale nzwakazi, uPutco Mafani uthe ukufumanisa kunzima ukumelana nokusweleka kukaVakalisa.
“Yilahleko enkulu ukusweleka kukaMfundisi Nomonde Vakalisa, ngoba ebedibanisa iinkonzo ezahlukeneyo ingakumbi kwinkolo yobuKrestu, nokuba bakweyiphi na inkolo, bebehlala befumana inkuthazo kwinkqubo yakhe.
“Bebesoloko befumana ithemba, kwabo sele belahlekelwe lithemba bebefumana indlela. Ndicinga ukuba oku kwenzeke msinyane kakhulu, uNomonde ebesemncinane, kodwa silahlekelwe nguye, kwaye yilahleko enkulu,” utshilo uMafani.
Abo bebesondele kuye, bamchaze uVakalisa njengesibonelo sokwenene kubasasazi abasakhulayo kunomathotholo.
Omnye woogxa bakhe uMfundisi Zee Makaula uthe le nzwakazi ibinobubele, kwaye engutitshala onomonde.
“Ndandimtsha kunomathotholo, ndingenawo amava, ndibe nenyhweba yokuba phantsi kwesandla sakhe nalapho lonke ixesha wayendixelela into ekufuneka ndiyenzile, kwanendlela ekufuneka ndiyilungiselele ngayo inkqubo.
“Ebendifundisa nesiXhosa, nanjengoko bendingenalwazi luphangaleleyo ngesiXhosa, athi kum le yindlela yokuzilungiselela. ‘Kusuku phambi kwenkqubo yakho, thetha ngathi uthetha nabaphulaphuli bakho’, ngako oko ebeluncedo kakhulu ekukhuliseni isakhono sam kunomathotholo,” utshilo uMfundisi Makaula.
Ukanti uManejala kwicandelo lezoshishino koonomathotholo eMpuma Koloni, uLoyiso Bala, uthe ilifa lakhe liyakuhlala lihleli.
“Sibone ukukhula kwamanani abaphulaphuli, kodwa ndicinga ukuba ngaphezulu koko, ukuphila kwabaphulaphuli bethu, sinombulelo omkhulu ngokuba sithe sanaye phakathi kwethu, siza kumkhumbula kakhulu, kwaye sibulela uThixo ngaye ngokushiya umzila omhle, ukuze abo balandelayo bakwazi ukuthatha apho ashiye khona baqhube de kube sekupheleni,” utshilo uBala.
UMphathi weMisebenzi yeNgqingqi eSABC kwiMpuma Koloni, uAyanda Makaula, uthe uVakalisa udlale indima enkulu ebomini babantu abaninzi.
“UNomonde usebenze njengentsika yomoya kubaphulaphuli bethu, ebebedinga ngenene ukondliwa ngokwasemoyeni. SiyiSABC kwiphondo leMpuma Koloni sibuhlungu kakhulu kukulahlekelwa kwethu nguNomonde, sithemba ukuba uza kuphumla ngoxolo. Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaVakalisa, unyana wakhe, abahlobo kunye nosapho kwanabaphulaphuli,” utshilo uMakaula.
Iinkcukacha malunga nesingcwabo sakhe zakuphinda zaziswe lusapho lukaVakalisa.
UVakalisa usweleke eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47).
….
Useziseleni uGogo Maweni!