Unobhala jikelele we-ANC, uGwede Mantashe, uthi abazani nayo imali ekwizigidi ezingamashumi asibhozo ekutyholwa ukuba wanikwa lo mbutho yinkampani yakwaPRASA.
UMantashe uthethe oku ngethuba ethetha najelo endaba eRawutini emva kokuba bebambe indibano yeqoqo elilawulayo kumbutho we ANC.”Ukuba kukho imali eyiR80 Million elahlekileyo kwinkampani yakwaPRASA mabakhangele imali yabo ukuba iphume yayaphi, asiyazi thina apha kwi-ANC,”utsho uMantashe. Uhambisa athi abezomthetho mabadlale indima yabo ukuqinisekisa ukuba le mali iyaziwa ukuba uhambe njani.
Ngaphambili bekukho iingxelo ezithi i-ANC ufumene imali ekumashumi asibhozo ezigidi zerandi ukuba wenze amalungiselelo onyulo kwinkampani yakwaPrasa.
Ukwavakalise inkxaso yabo besisikhokelo sombutho we-ANC ngakumphathiswa wesebe lezimali kweli uPravin Gordhan.
“Sihambisana ngqo nentetho ethe yenziwa ngusekela mongameli wethu uCyril Ramaphosa ngelithi simthembile umphathiswa uPravin Gordhan,” uthethe oko uMantashe. Malunga nentetho ezenziwe ngethuba kuqhutywa umngcwabo kamfundisi Makhenkesi Stofile uMantashe uthi ezintetho zisuka kubantu abangamalungu namagqala alombutho.”Asinakulandela yonke into ethethwa emingcwabeni kuba kungatshona ilanga sizama ukulandela izinto ezahlukeneyo ezithethwe ngabantu abahlukeneyo, ngomnye uzakuthetha enye nomnye athethe enye,”utsho.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?