‘Asazani noqeqesho ngeCovid-19 eOR Tambo’

Amaxwebhu entlawulo afakwe yiPhathilizwi Training Institute eOR Tambo nethi ifundise abantu ngeCovid-19

Abantu ababhalwe kuxwebhu lukaMasipala waseOR Tambo ekuthwa bathe bafumana uqeqesho lolwazi ngentsholongwane yeKhorona, bathi abanalwazi ngoqeqesho oluqhutywe yiPhathilizwi Training Institute.

IPhathilizwi ifake amaxwebhu entlawulo (invoice) kulo masipala axabisa iR4.8 million ngelithi ifundise uluntu lwaseOR Tambo ngentsholongwane yeKhorona. Iindawo ekufundiswe abantu kuzo, ngokwembalelwano kamasipala, yiSajonisi (Wadi 8), Mhlontlo (Wadi 20), KSD (Wadi 24, 34) neNyandeni (Wadi 6, 14).

Kodwa ngokwamaxwebhu ePhathilizwi kuvela ezinye iiWadi, umzekelo uWadi 7 eNtshiqo eMhlontlo.

Umasipala uthi abantu abathe bafundiswa ngentsholongwane bangama-2 400.

Ngokwezibalo, iR4.8 million xa icakacwa ngokwentloko, kubantu abangama-2 400, ithetha ukuba le nkampani ityabule umasipala iR2 024.00 kumntu ngamnye othe wazimasa okanye wafumana olu qeqesho.

Kuxwebhu lukamasipala lwabantu abathe bazimasa ezi mfundiso ngeKhorona kwaWadi 7 eMhlontlo, kuqapheleka iifani ezifanayo, iinombolo ezifanayo kwanemityikityo efanayo.

I’solezwe lesiXhosa lifowunele abantu abakuxwebhu lukamasipala ekuthiwa bafumene okanye bazimase olu qeqesho.

Omnye wabo ubhalwe ukuba unguSibongiseni Nosakhwe, kodwa emnxebeni uthe: “NdinguAmahle. Hayi andikhumbuli olo qeqesho mna, inokuba kukufana kweenombolo zethu.” Omnye ubhalwe ukuba unguThulani Fanteni, kodwa emnxebeni uthe: “NdinguAthule. Andimazi uThulani Fanteni. Inoba kukufana kweenombolo. Ndingowalapha kwaWadi 7 nam kodwa andimazi lo mntu uthetha ngaye, futhi khange ndibe yinxalenye noqeqesho.”

Uceba weDA eOR Tambo uSithembiso Mabasa uvule ityala emapoliseni emva kokufumanisa ngala maxwebhu entlawulo (invoice).

“Ndafumana ingxelo yokuba kufakwe amaxwebhu entlawulo kwiofisi kaManejala kaMasipala, zisuka kwiofisi ejongene nezomthetho kamasipala. Emva kokuba kungene la maxwebhu, ndabhalela uSodolophu (Thokozile Sokanyile), ndimbuza ukuba unalo na ulwazi lwamaxwebhu entlawulo yokungena umzi nomzi kufundiswa ngeCovid-19. Akazange aphendule.

“Ndiye ndazifumanela ngokwam la maxwebhu entlawulo. Emva koko ndabona ukuba mandiyovula ityala emapoliseni. Ityala lobuqhetseba nobuqhophololo silivulile, kwaye amapolisa aphanda ngamatyala acwangcisiweyo aphezu kwetyala,” kutsho uMabasa.

“Umbuzo ngowokuba kungenwe njani kumzi nomzi ngexesha apho bekuvalwe iintshukumo elizweni (Lockdown). Lo Phathilizwe Training Institute akazonkonzo ezingundoqo ngoko ke ebengenakukwazi ukuhambahamba ngela xesha,” utshilo uMabasa.

UManejala kaMasipala uOwen Hlazo, nonqunyanyisiweyo, uthe: “Ngomhla weshumi elinesibini kweyeSilimela, ndafumana amaxwebhu entlawulo (invoice). Ndathi xa ndijonga la maxwebhu, ndafumanisa ukuba ngawokufundisa uluntu ngeCovid-19.

“Ndabuyela kulo mlawuli ebendinika la maxwebhu ndathi makacacise ukuba bekufundiswa abantu kanjani, kuba ngeli xesha kuthwa bekufundiswa ngalo leli xesha bekuvalwe iintshukumo elizweni (Lockdown). Ngethuba ndisalinde ingcaciso, ndiye ndanqunyanyiswa libhunga likamasipala iOR Tambo,” utshilo uHlazo.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi ubhalele kuMongameli Cyril Ramaphosa ecela ukuba iButho eliKhethekileyo loPhando, elaziwa ngamafuphi njengeSIU, khe liphande ezi zityholo zikulo masipala waseOR Tambo

“Asothukanga tu ukuva oku kuba besiyazi ukuba kuza kubakho oozungul’ichele abaza kusebenzisa eli xesha lale ntsholongwane ukuze bafumane imali ekhawulezileyo. “Okwakungena umzi nomzi kufundiswa abantu ngentsholongwane, kurhuqisa umrhaji.

Sifuna ukulwa nale ntsholongwane ngendlela engenazehlo zobuqhophololo. Xa kuvela izehlo zobuqhophololo, kufuneka sithabathe amanyathelo.

“Sinabo abasebenzi bethu bokujongana nale ntsholongwane, abekudala besehla besonyuka behlola futhi bevavanya abantu. Zange seva ngokungena umzi nomzi kufundiswa abantu ngentsholongwane ze kwenziwe intlawulo. Siyavuya kuba kuza kuqhuba uphando lokusixelela ukuba kwenzeke ntoni kanye,” utshilo uMabuyane.

INtloko yezoNxibelelwano eOR Tambo uZimkhitha Macingwane uthi uSodolophu uThokozile Sokanyile uza kuthetha nabeendaba namhlanje (Lwesine) ukusabela kwezi zityholo ezityatyekwa umasipala kuquka nokunika umkhombandlela kulo mbandela.

“Okwangoku singabe sisithi le nyewe ifumana ingqwalasela eyifaneleyo,” utshilo uMacingwane.

Inombolo yePhathilizwi ekuxwebhu lwentlawulo ibetha epalini. I’solezwe lesiXhosa lithumele imbalelwano ye-imeyili kwiPhathilizwi nebingekaphendulwa ngethuba sipapasha eli nqaku.