Asibhalwa ngokwaneleyo isiXhosa

Eyona nto eyenza ukuba ulwimi lwesiXhosa luhlale lugcinekile kwaye lwande kukubhalwa kwalo phantsi.

Ngokujonga kwam olu lwimi alubhalwa ngale ndlela ilindelekileyo, okanye alubhalwa kakhulu xa lithelekiswa nezinye iilwimi ingakumbi ezi zaseNtshona. Iincwadi zesiXhosa zinqabe kakhulu kumathala eencwadi.

Thatha ithala leencwadi laseRhodes University njengomzekelo, apho kukho imigangatho emithathu yesakhiwo esizele ngumthabalala weencwadi kodwa ezesiXhosa uyofike zithiwe sithe kwiibhokisi ezintathu. Nezo ncwadi zikhoyo, zincwadi zababhali abasephume iimpondo okanye ibe ziincwadi zakudala.

Ubuninzi beencwadi ezibhalwayo mva nje zithetha ngesiXhosa, kodwa tu ukuba zibhalwe ngaso isiXhosa eso. Kwi-intanethi kubhalwe yonke into le ngesiXhosa, kodwa tu ukusetyenziswa sona. Namaxhwebhu amaninzi abhalwe kwi-South African Journal of African Languages, izinto zesiXhosa zinqabe okwezinyo lenkukhu, ndingathethi ngasiXhosa sodwa – ndiquka nazo zonke iilwimi zesiNtu.

Nakumajelo osasazo abantu bathe phithi sisiNgesi, elo qelana labantu elithi lizityand’ igila lithi libhala ngolu lwimi litsho ngezigaqa zeempazamo into ekunzima nokuyifunda okanye baxube nazo zonke ezi lwimi zaseNtshona.

Xa siyeka ukulibhala olu lwimi sabe siyalibulala ngabula thina. Ulwimi olungabhalwayo liyayekwa ukusetyenziswa ingakumbi kule mihla siphila kuyo apho isiNgesi sitshotsha phambili.

Ngokuya kuhamba ixesha liza kulibaleka olu lwimi kuba akukho apho silifunda khona sike sizikhumbuze ngendlela yokulubhala. Inga amaXhosa angathatha inxaxheba andise izinto esingazibhala ngesiXhosa.

Nabapapashi beencwadi bapapashe ababhali abatsha, sike sifunde iincwadi ezibhalwe ngababhali bale mihla ngezinto ezenzeka kule mihla siphila kuyo.

Akunamsebenzi nokuba incinci kangakanani na into oyibhalayo, akunamsebenzi nokuba ibaluleke kangakanani na, into engamandla kukuba olu lwimi silubona lubhalwa, lufundwa kwaye lwande njengazo zonke ezinye iilwimi ezi ingakumbi kulo mhlaba walo.