‘Asibobukrelekrele ukuthetha isiNgesi’

INkosi uMwelo Nonkonyana ethetha kwiqonga leelwimi kwiNdlu yoWisomthetho yephondo eBhisho

Umphathiswa weSebe leMfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula uxelele iQonga leeLwimi iEastern Cape Provincial Languages Forum ukuba mkhulu umsebenzi omele wenziwe ukubuyisa isidima seelwimi zeli phondo.

UMakupula uthethe oku eBhisho ngethuba kumiselwa eli qonga ngokusemthethweni ngamasebe karhulumente kwanebhunga leelwimi iPan South African Languages Board.

“Indibanisela yamadabi ebe siliwa ngabantu beli izame kakhulu ukusakhela isisekelo sedabi esithetha ngalo namhlanje, iilwimi, amasiko nezithethe ziyinxalenye yelo dabi,” utsho uMakupula.

Lo mphathiswa ebe yinxalenye yezithethi ebeziphambili kulo mcimbi ekunye nosihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana.

“Njengamasiko nezithethe, ulwimi lwakho luyinxalenye yakho, uninzi lwethu lucinga ukuba xa uthethe isiNgesi ukrelekrele, asibobukrelekrele ukuthetha isiNgesi,” utshilo uMakupula.

Eli qonga lisekelezelwe kumthetho iEastern Cape Use of Official Languages Act eyapasiswa ngonyaka ka2016 yiNkulumbuso uPhumulo Masualle.

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana naye uvakalise imincili nemivuyo ngokumiselwa kwale bhodi.

“Egameni leeKumkani, iiNkosi noluntu ngokubanzi siyanamkela kwaye sizimisele ukusebenzisana nani kulo msebenzi, kodwa ze nincede niqwalasele iilwimi ezifana nesiMpondo nesiBhaca nezinye ezingekajongelwa ntweni,” utshilo uNonkonyana.

Injongo ephambili yale bhodi kukuqinisekisa ukuba iilwimi ezisemthethweni zeli phondo zinikwa ingqwalasela elinganayo nefanayo.

“Iilwimi ezisemthethweni kweli leMpuma Koloni sisiXhosa, isiNgesi, isiBhulu nesiSotho ngoko kumele ukuba nisebenzela ukuqinisa amandla eelwimi ezifana nesiXhosa nesiSotho kuba kudala zijongelwe phantsi,” utshilo uMakupula.

UMphathiswa uMakupula uqhayisele iNdlu yoWisomthetho ngomsebenzi osele wenziwe lisebe lakhe ukunika imbeko nobunganga kulwimi lwesiXhosa.

“Ukusukela ngo2012 phaya eCofimvaba siqalile ukunyanzelisa ukuba abantwana ezikolweni bafundiswe ngesiXhosa kwizifundo ezifana nezibalo, kodwa iingxaki kukuba aba bantwana baqalwa ukufundiswa ngolwimi lwabo isiXhosa, kodwa imibuzo ekupheleni konyaka ibuya ibhalwe ngesiBhulu nesiNgesi, zizinto ekumele ukuba sisebenze kuzo ezi,” utshilo uMakhuphula.

Ongumphathi kwiPANSALB eMpuma Koloni, uXolisa Tshongolo, uthi banethemba lokuba eli qonga liza kubanceda ukubuyisa isidima seelwimi ebezikade zijongelwe phantsi.

“Onke amasebe karhulumente amelwe kweli qonga ngoko ke kumele ukuba iziphumo ibe zezincumisayo, injongo kukuqwalasela imingeni eyenza ukuba zingasetyenziswa ezi lwimi ngamasebe karhulumente,” kutsho uTshongolo.