‘Asimazi lo King William useQonce’

Ilungu eliphezulu leANC uLindiwe Zulu ethetha eQonce apho bekubhiyozelwa khona imini yabasebenzi Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ILUNGU lekomiti embaxa yeANC uLindiwe Zulu uthi lo mbutho unawo amandla wokutshintsha amagama eendawo ezathiywa ngabacinezeli beli lizwe, watsho ebuza ukuba nguKumkan’ uWilliam waphi lo iQonce ithiywe ngaye.

UZulu ebethetha eVictoria Grounds eQonce izolo (ngoLwesithathu) apho abasebenzi phantsi kweemfefe zikanxantathu weANC bebedibene khona ukukhumbula uSuku lwabaSebenzi olubanjwa rhoqo ngomhla wokuqala kuCanzibe.

UZulu uthi iANC iyawahlonipha amalungelo wabasebenzi, esithi ukuze kuqinisekiswe ngekamva leli lizwe, kufuneka kuqinisekiswe ukuba iimfuno zabasebenzi zithatyathelwa ingqalelo.

Lo kaZulu unyevulele igama elithi King William’s Town, esithi lifikile ixesha lokuba iANC ikhokele idabi lokutshintshwa kwamagama athiywe ngabantu ababe negalelo kwingcinezelo yabantu baseMzantsi Afrika.

“Asimazi lo mntu okuthethwa ngaye ekuthiwa nguWilliam, kuba abantu balapha banalo igama (iQonce) abayibiza ngayo le dolophu. SiyiANC sinawo amandla wokwenza oko,” utshilo uZulu.

UZulu ukhuthaze amalungu eANC ukuba asebenzise iimoto zabo ukuthutha abalandeli nabaxhasi balo mbutho, kuquka nje nabavoti ngokuthe gabalala, ngomhla wolonyulo kwiveki ezayo.

“Ngoba ukuba asiyenzi lo nto, eminye imibutho iza kwenza njalo ithuthe abantu bayo bayokuvota,” utshilo uZulu.

Emva konyulo, uZulu uthi luxanduva lwabo bavotele iANC ukuba bawenze uhlale ungcotshile lo mbutho, ngokuthi bafune iimpendulo kwanokumiliselwa komqulu wezithembiso.