‘Asimazi nokumazi uChris Magwangqana emzabalazweni!’

Afuna ingqesho esisigxina ngenkani kuMasipala wesithili sase-Amathole amajoni omzabalazo awayegwetywe ubomi entolongweni, ekwatyhola umanajela walo masipala uChris Magwangqana ngokungakhathali.

UMicheal December noSikolakhe Mahala bathi bafuna imisebenzi esisigxina ukuze babuyise ixesha abalichithe entolongweni ngenxa yomzabalazo.

“Kudala sinkqonkqoza kuChris Magwangqana akasihoyi kuba akasazi kwasemzabalazweni kuba kwayena wayengumntwana wesikolo ngexesha lokuzabalaza kwethu. Sifuna umsebenzi osisigxina hayi umsebenzi wethutyana,” uthethe watsho uDecember.

La madoda abanjwa agwetywa ngonyaka ka-1990 ngokubulala iintsapho zabamhlophe kwiziganeko ezibini ezahlukileyo.

“Asimazi nokumazi thina kumaqabane ebesizabalaza nawo, namhlanje basezikhundleni ngenxa yeenzame zethu abasikhathaleli aba Magwangqana, sifuna umsebenzi nathi njengabo asijiki kulo nto,” ucacise watsho uMahala.

Igama likaChris Magwangqana lichaphazeleka apha ngenxa yokuba bathi kudala besenza iinzame zokuthetha naye ukuba abancedise ukutshintsha iimpilo zabo.

UDecember wabanjwa ngo-1990, ngezityholo zokubulala usapho olumhlophe eCumakala, waza wagwetywa ubomi entolongweni ngo-1991 emva kokulahlwa lityala.

“Sasinomsindo kuba ngela xesha babegeza kakhulu abelungu, kwakukho iqabane elalivalelwe entolongweni lizakuvela ematyaleni kanye ngala mini ndabulala ngayo abobantu,” utsho uDecember.

Esi sibini sithi asikulungelanga ukuthatha naluphi uncedo oluvela kurhulumente ingenguwo umsebenzi wengqesho esisigxina.

“Sikhe saxelelwa ngento ekuthwa zii ‘food parcels’ nazo sazala, asifuni ezonto sifuna umsebenzi, sishiywe lixesha oogxa bethu banemizi baqhubele phambili,” utshilo uMahala.

Emva kokudontsa iminyaka phantsi kweso sigwebo sobomi entolongweni la madoda aphume ngengqawule ngamaxesha ahlukileyo.

“Mna ndiphume ngengqawule kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo, logama ugxa wam yena ephume ngo-2012,” utshilo uDecember.

Eziphendulela kwezi zityholo uMagwangqana uthi zibubuvuvu iingxelo ezenziwa ngala majoni.

“Abantu ababegwetywe ubomi ngenxa yomzabalazo bakhululwa kudala, ababantu kungenzeka ukuba babebanjelwe ukophula umthetho, mabohlukane nokungcolisa igama lam,” uzithethelele watsho uMagwangqana.

UMagwangqana uthi la madoda awazange athethe naye ngaphambili ngale ngxaki kwaye ukulungele ukumamela isikhalazo sabo. “Andiqondi nokuba bayayazi apho ikhoyo iofisi yam bandigqibela ndisebenza eCumakala kudala, kule yokuba abandazi emzabalazwe nam andibazi nabo emzabalazweni,” utsho uMagwangqana.

Ukanti la madoda athi alithathele kuwo idabi lokuphucula intlalo yabantu baseCumakala ngoku kodwa iingxaki zezezindlu.

“Sasingakhuthuzi ukubanjwa kwethu kodwa sasifaka isandla kumzabalazo wenkululeko phantsi kombutho weANC,” uvale ngelitshoyo uMahala.

– siyabulela.mqikela@inl.co.za