‘Asimfuni uMaqoma’

Abahlali beelali ezisibhozo eQonce phantsi kobukhosi bukaNkosi uLuvuyo Maqoma, bathi abamfuni uNkosi Maqoma njengeNkosi yabo.

Usihlalo wendibanisela yabahlali bombutho ozibiza ngokuba yiAmahlathi Crisis Committee uMnikeli Khiva, uthi abanaNkosi inguMaqoma.

“Akangowalapha uLuvuyo Maqoma, asali ukuba akayiyo iNkosi, kodwa akasiyiyo iNkosi yethu, asinayo thina iNkosi kwezi zethu iilali, asimfuni uMaqoma apha,” utshilo uKhiva.

Ingxelo yabahlali ithi ubukhosi bakwaMaqoma bangeniswa nguLennox Sebe ngonyaka ka1974 kwezi lali.

“AsinaNkosi thina apha, nguSebe lo wenza le nto, lo Luvuyo Maqoma ngowaseBhofolo kakade, uyise wabhubhela eKapa, unina uNolusapho wanikwa ubukhosi wabamba esi sikhundla ngenxa kaSebe, zaphela izinto zikaSebe, asimfuni.”

Aba bahlali bavelise oku emva kokuba inkundla ikhuphe ingxelo zokuba uMaqoma akayiyo iNkosi yesi sizwe.

UBabini Gocini ngomnye wabahlali abathi ngenene abayifuni le Nkosi ingumzukulwana kaJongumsobomvu Maqoma.

“Siye sabhena emva kokuba ikomishini eyayikhokelwe nguGqirha Nokuzola Mndende yakhupha isiphakamiso sokuba uLuvuyo Maqoma yiNkosi yezi lali, inkundla igwebe ngakuthi ke ngoku, makahambe uMaqoma, asimfuni kwezi lali,” uthethe watsho uGocini.

Ezi lali ziquka iNkangeni, Mxhalanga, Nothenga, Gubevu, Cwecwe naseTyhusha. Zikho izityholo zokuba esinye sezizathu zokungamkelwa kukaNkosi uMaqoma kukungakwazi kwakhe ukuziphatha.

UGqirha Mndende akakukhanyeli ukuba ngenene uyalazi eli bango lakwaMaqoma.

“Emva kophando olubanzi saye sakhupha isiphakamiso kwiNkulumbuso, esasisithi uyiNkosi efanelekileyo uNkosi uLuvuyo Maqoma, yiNkulumbuso eyathatha isigqibo emva kwesiphakamiso sethu,” ucacise watsho uMndende.

Ingxelo kaMndende ithi uphando lwabo lalisukela kubukhosi obalahleka ukusukela ngonyaka ka1927, uthi umzila wobukhosi ucacile kusapho lakwaMaqoma.

UNkosi Jongumsobomvu Maqoma (1798-1873) wesizwe samaJingqi wakhokela ngobugorha isizwe sakhe, wada waya kuphelela esiqithini eKapa ekhusela esi sizwe.

“Ukucaca komnombo wakwaMaqoma yenye yezinto eyabangela ukuba senze isiphakamiso kwiNkulumbuso uNoxolo Kiviet, ngelithi yiNkosi uLuvuyo Maqoma,” utsho uMndende.

Ikomkhulu lamaJingqi liphantsi kobuKumkani bakwaRharhabe eMngqesha kwaKumkani uSandile. Egameni lobu buKumkani, uNkosana uBanzi Tyali, akavumanga ukwenza ilizwi ngalo mcimbi.

Abahlali bagqithele kusomlomo womasipala waseAmahlathi uNokuzola Mlahleni, bembongoza ukuba alandele isigqibo senkundla anqumamise zonke iinkonzo ezinika isidima uNkosi Luvuyo Maqoma, oosibonda bakhe noosibondana ngokunjalo.

Zikho iingxelo zokuba umrholo kaMaqoma unqunyanyisiwe, logama negama lakhe likhutshiswe kuluhlu lweeNkosi zeMpuma Koloni. Akafumanekanga uMaqoma ukuba enze ilizwi ngezi ngxelo.