‘Asinakubhubha singamahlwempu’

UBetusile Mcinga nomama wakhe uLusanda

Imvumi yomculo weGospile uBetusile Mcinga uthi lidlulile ixesha lamabali eemvumi ezibhubha zingamahlwempu, watsho esithi yena useza kuqhubeka ezibandakanya kumacandelo ohlukeneyo ezoshishino kuba umculo awunakumphilisa unaphakade.

Lo ngumzabalazo iimvumi ekufuneka zizibandakanye kuwo futhi zingabinazo nezincinane iintloni, itshilo le mvumi incokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki emva kokubhalela iSABC, ikhalaza ngombhalo kaFacebook obhalwe ngumsebenzi walo msasazeli woluntu, nawuchaze uBetusile njengongafanelekanga.

UKhonzeka Lubambo osebenza kwicandelo leendaba kwiSABC, ubhale kuFacebook wakhe esithi “La mfana nomamakhe baculayo bayathandwa shem. Batya kuzo zonke izithebe. [Andichazanga mntu ngesizathu] ke ningazoqavela apha. Andikhathazekanga nje, ndilugcwabevu ngumsindo.]”

Akucaci ukuba uLubambo ususwe yintoni ngalo mbhalo, kwaye neSABC kwimbalelwano nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, ivakalise ukuba iza kuqhuba uphando lwayo ngaphakathi.

Noxa nje engabhalanga magama abantu uLubambo, imihlomlo kumbhalo wakhe, ibisele icacisa ukuba kuthethwa ngoobani.

ULubambo uye wawucima lo mbhalo, kodwa emva kokuba abantu kuFacebook bekhawuleze bawunkonyela kubo, besenza ingxokolo. Bambi bememelela ukuba ukwaywe Umhlobo Wenene FM.

UBetusile uthe: “Iye yandichukumisa kakhulu, ingakumbi ukubandakanywa kwegama likamama wam. Umama akangeni ndawo kwezo zinto. Ndisitsho nje ndiyayazi ukuba umntu unoluvo lwakhe. Mhlawumbi yena ebebhala nje izimvo zakhe kodwa abantu bayamazi ukuba uphangela kunomathotholo, ngoko ke bangayithatha ngolunye uhlobo into ayibhalileyo.”

“Ndiyibhalile imbalelwano ndayithumela kubaphathi beSABC, ndikhalaza ngale nto. Le nto inganefuthe elibi kum. Bendikhathazekile kodwa sele kungcono ngoku, ndiqhuba nomsebenzi. AbeSABC batshilo ukuba bayifumene imbalelwano yam kwaye bathe baza kusebenza phezu kwayo,” utshilo uBetusile.

Elinye lamashishini akuwo uBetusile kukucoca iintsholongwane ngeli xesha leKhorona. Kumboniso okuFacebook wakhe wakutshanje ubonisa becoca iivenkile ezithengisa ukutya eMthatha. Ngaphambili ukhe waqhuba iiteksi logama umama wakhe uLusanda wayeneSpaza.

“Thina njengeemvumi asiqeshwanga ngumntu. Asamkeli mvuzo. Kukho into ethe ndi apha eMzantsi Afrika yokuba iimvumi zisweleka zihlwempuzekile, zingenanto. Sifuna ukuyiphelisa lo nto, ngokuzibandakanya kwezinye izinto zoshishino, ukuze sikwazi ukuphila. Umculo uyafana nezemidlalo, awuhlali ugqamile ebantwini.

“Umam’ uLusanda waqala ushishino lokungcwaba kudala kwaye yeyona nto emgcinileyo leyo. Ngoku xa uza kubhala kuFacebook ufune ukubulala lo nto, uyenzela ntoni?” kubuza uBetusile.

Obambele njengesithethi seSABC uMmoni Seapolelo uthe: “SiyiSABC singangqina ukuba siyifumene imbalelwano esesikweni malunga nalo mba, kwaye siyayihlola ngokuhambelana neenkqubo zethu ezimiselweyo zangaphakathi.”