Asinakuthula tu ngoGqr. AB Xuma

KwiCawa yomhla wesibhozo ilali yakuManzana eNgcobo ibisingathe uMongameli uCyril Ramaphosa, beyokungcwaba kwakhona owayesakuba nguMongameli weANC uGqr. Alfred Bathini Xuma owabhubhela ze wangcwatyelwa eRhawutini ngonyaka ka1962.

Ubani angangqina kumazwi osapho lakwaXuma okuba kubekhona ukulityalwa ngale nkokheli. Yiminyaka iliqela usapho lakwaXuma lucela ukuba amathambo ale nkokheli agrunjwe eRhawutini ayokungcwatywa kwakhona kuManzana apho inkaba yakhe ileli khona.

UXuma yinkokheli egqibeleleyo ngokunokwayo eyakhokela iANC njengoMongameli iminyaka elithoba ukusukela ngo1940.

Imbali iyachaza ukuba ungumdaka wokuqala wokuba ngugqirha wonyango kweli loMzantsi Afrika emva koqeqesho awalufumana phesheya kolwandle. Akuphelelanga apho, uXuma ufunde ezilalini, esalusa, elima futhi ezingela njengabanye.

Kodwa ngaphakathi kuye sibona ukuba kwakukho umzabalazo wokuba umnt’ omnyama angazenzela impumelelo xa ezimisele. Waqeqeshelwa ubutitshala kwisikolo sembali saseNgcobo, iClarkebury ze waqalisa ukusebenza njengomfundisintsapho eneminyaka elishumi elinesibhozo.

Kuninzi ke okungaqatshelwa ngokugrunjwa kwamathambo wakhe eRhawutini. Usapho laxelela I’solezwe lesiXhosa ngonyaka ka2018 ukuba luhlutshwa ngamaphupha kaGqr. AB Xuma othi ufuna amathambo wakhe aziswe kowabo kuManzana.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ukubuyiswa kwamathambo wakhe akuzuzisa nje kuphela impilo yasemphefumlweni kwabo baphilayo bakwaXuma, koko kuza kwenza naye aphumle ngoxolo ephakathi kosapho lwakhe apho wazalelwa khona.

UGqr. AB Xuma usifundise ukuba imfundo sisixhobo sokutshintsha ilizwe kuba emva kokuqeqeshelwa ubugqirha, ubuyele eMzantsi Afrika ezokujongana nemingeni echaphazela ukunqongophala kweenkonzo zempilo ezisemgangathweni kwabantsundu.

Ngokwemithombo, kuyavakala ukuba kwaphaya eClarkebury, ekuqaleni kweminyaka yoo1900, wayekhe wakhokela uqhankqalazo olwaluchasene nemfundo ecekeceke ejoliswe kwabantsundu.

Into ethetha ukuba lo kaXuma umzabalazo uwuqale kwindawo yokuhlala. Kuhle ukubona ephumle ngoxolo lwenene kwindawo aqale ukuzigqamisa kuyo ngokwesikhokelo.