‘Asinaye uSathana kwinkolo yesiNtu’

Phuthumile FUYANI

“Kwinkolo yesiNtu asinaye uSathana, ukuba ukhona uze nabantu benkolo [yobuKrestu].”

Oku kuthethwe nguPhuthumile Fuyani, ingcali kwimiba yesiNtu. UFuyani ebethetha kwingxoxo-mpikiswano yokuphethula inyanga yama-Afrika ebibanjelwe eSteve Biko Centre eGinsberg, eQonce.

Iliqela imixholo ethe yaxovulwa kule ngxoxo-mpikiswano, ebiququzelelwe liphephandaba I’solezwe libambisene neSteve Biko Foundation.

Engena nzulu ngentlalo yenkolo kaNtu, uFuyani uthe: “Ngokwenkolo yethu uMdali akaqalekisi mntu, kuba abantu ngabakhe bonke. Asinaye uSathana kule nkolo yethu, ukuba ukhona uSathana uze naba bantu benkolo [yobuKrestu]. Zange sambona thina, kuba umntu wethu akahambi nasono. Asinalo izulu ngokwenkolo yethu, ukuba besinalo ngelikhona apha emhlabeni.”

“Inkolo yemveli yindlela yethu yokuphila, asiguqukelanga kuyo koko sidalelwe kuyo. Asixelelwa mntu ukuba masiphuphe ubani. Le nkolo asiyibhalelwa mntu. Kule nkolo sikholelwa ukuba uMdali ukhona, sikholelwa kulo nto ngenxa yezinyanya.

UMdali wethu akayondoda, akangomfazi, koko ungumoya,” kutsho uFuyani.

Uthi kwamandulo, abantu babenendlela yokulungisa lowo wenza izinto ezigwenxa.

“Ngokwenkolo yethu, umntu owenza izinto ezigwenxa sinendlela yethu yokumlungisa ngokwesiNtu. Ijele, le namhlanje iyeyokulungisa abantu abamoshayo, asiyo nto yethu ngokwesiNtu. Yiyo nale nto umntu ovela ejele, kufuneka singxengxeze ngokumcelela uxolo kwizinyanya zethu,” utshilo uFuyani.

Uthi inkolo kaNtu ikhatshwa bubunyulu. “Yeyiphi inkolo ekhe icele imvula mhla kungembalela? Ayikho ngaphandle kwale yethu.”

UFuyani uthi kumaxesha angaphambili abantu babenendlela ephucukileyo yokusela utywala.

“Asinalo isiko lebhotile [yotywala] kuba isiko alinxilisi. Kudala kwakungasilwa kakhulu. Ukuba uyayiphanda nale yomqombothi ize nabaMbo [aziwa njengamaMfengu] afika amaXhosa esebenzisa amasi amuncu kwiimvaba. AbaMbo beza nenkoduso okanye imithombo, ze amaXhosa ayilandela lo ndlela kodwa kwakungasilwa kakhulu,” kutsho uFuyani.

Ecacisa ngokubaluleka kwamaphupha, uLulama Mpahla okwaligqirha, uthi kukho umahluko phakathi kwephupha nethongo. “Iphupha, yinto oyibawelayo okanye into obucinga ngayo. Ithongo liqulathe imiyalezo, kwaye liphehlwa ngemva zizihlwele. Lo myalezo ingangowokuba kufuneka ndilumke, okanye ndenze into ethile,” kutsho uMpahla.

“Singabantu besiNtu, sikholelwa ukuba wakubhubha omnye wethu kufuneka senze indlela yokuyo kumhlanganisa nezinye izihlwele,” kutsho uMpahla.

Umhleli wephephandaba I’solezwe * -Unathi Kondile uthi le ibiyingxoxo ebaluleke kakhulu. “Lixesha lokuba siphane amava ngezinto zokukhulisa intlalo yethu. Ukuba asiyenzi lo nto, akekho umntu ozakusenzela,” kutsho uKondile.