Asinokusuka siyeke nje

Bhotani mawethu! Ndibuye ndakho apha entsimini njengakuqala. Izinto eziyimveli zinegalelo elihle ekukhuthazeni ukuzithanda nokuzazi.

Ziluphawu lwesizwe yaye zikwaqulathe imbali. Ke ukungalungi kwazo ngaxa limbi akumele kutshabhise konke okwasendulo.

Xa sikhangela nje okuhle kwasendulo masithathe isiko lomhlinzeko; kaloku lowo ngumsebenzi wokuzazisa komntu kumawabo ngexesha lempangelo apho ashiya ikhaya aye empangelweni, uthi ke ukubuya kwakhe axhele itakane enze utywala abize izalamane zakhe ebulela ukugcinwa ngamawabo.

Ukanti xa ukhangela okubi nokungamelwe kuthatyathwa kwezo nto zasendulo, lisiko Isihlambesi; kaloku lo ngumsebenzi wokulondoloza amandla nesithunzi senkosi, ngokuthi imane ibulawelwa oonyana abakhulu abazindlalifa, kwisizukulwana sendoda eyakhe yabulala inamba ukuze ihlambe ngabo.

Mandibekel’ entloko ndenjenje; Namhlanje ndiza ndifumbethe incwadi etyekezwe lusiba lukaNkosikazi M.N. Manentsa egama lithi, Izintoyinto zasendulo.

Le yenye yembinana yoncwadi lwemveli. Yapapashwa okokuqala phaya ngomnyaka we1994 ngabakwaLovedale Press. Apha umbhali usiphathele iintsomi, iingoma zakwaNtu, iziduko zamaXhosa, oorayi-rayi, amaqhalo nezaci kwaneentsingiselo zamagama ezinto ngezinto.

Le ncwadi iqulathe imfumba yolwazi, kweli xesha lethu akusekho mntu ubakhathaleleyo oorayi-rayi.

Sekukho ndlela zimbi ezisetyenziswayo ukunceda ingqondo icinge. Ke koku ubuncwane bolwimi obabumumathwa ngaloo maqashiso ayesenziwa kunyamalele.

Iintsomi ezazibaliswa ngoomakhulu azisenaxabiso kule mihla.

Imfundiso esekutshilwa ngayo yileyo ifumaneka ngokubukela iintsomi ezibhalwe kwiincwadana zabantwana nenkoliso yazo ibhalwe ngesiNgesi.

Ke laa mabali abaliswa ngoonopopi kumabonakude ndiwafanisa nqwa neentsomi.

Ewe kona iminyaka ihambile namaxesha atshintshile nezinto ziguqukile ukuba singabe sithetha ngamazim kwiintsomi zethu.

Kodwa, ingaba izintoyinto zasendulo akusekho ndawo yazo kweli xesha sikulo? Andikholwa, ininzi ingqaka engqumbululu ekusafuneka sizifikisele kuyo kwizinto ezahlukeneyo zasendulo.

Ndibanexhala xa kukhangeleka ngathi iingoma ezivunywayo zasendulo azisenaxabiso. Kaloku kwaXhosa iingoma ziyacalulwa, zahlulwe ngokwemisebenzi yazo.

Yimfundiso ekufanele yaziwe ngabantwana bethu le yeengoma ezombelwa kwizisusa ezithile ze zingangeni kwezinye.

Andithi kukho iingoma zamakhwenkwe, ezabafana, ukanti noomama baneengoma zabo nezilunge kubo.

AmaXhosa ayazi kwakudala into yokuba awunokombela ingoma enye emguyweni nasemtshatweni, ngokunjalo nasebakhwetheni ziyohluka kwezokuziyolisa.

Intlalo yomntu ontsundu ihombe ngenkcubeko etyebileyo nenika umdla kulowo uyijonga ngeliso lokufunda. Zikhe zagxekwa zigxijwa kabuhlungu izintoyinto zentlalo yamaAfrika.

Lifikile ke ixesha lokuzijonga ngokohlobo lwazo ingelulo olu kufunwa sizibone ngalo ngabagxeki.

Ukuzinxwema kwizinto ezazisaya kwenziwa endulo noko zilungile kukuzonzakalisa.

Yimbali nomnombo wekhaya oza kulahleka, ukuphicothwa kwemiba yesizwe iyakuduka, izigqibo eziyokuthatyathwa azinakubanasiseko.

Ewe asinakusuka siyeke nje izinto zethu zijongelwa phantsi. Oobaw’ omkhulu basishiya besicingele, siyakuthini na ke thina ukungasicingeli isizukulwana esizayo.

Ngokuqhuba nokucaphula kwizintoyinto zasendulo siyokube someleza ukuzinza kwazo. Incwadi zethu, ulwimi lwethu. Ndimkile!