Asiphelelanga kushota uYesu!

Kapa:

ASIPHELELANGA kushota uYesu, eli licwecwe elitsha likaThumeka Lothe oyimvumi yomculo weGospile.

Eli cwecwe lakhe leshumi ulikhuphe kwinyanga yeSilimela kulo nyaka.

Le mvumi ineminyaka engamashumi amabini anesithathu icula olu hlobo lomculo. UThumeka uzenzele igama kumculo weTraditional Gospel kwanohlobo lwale mihla lomculo woKholo.

Ngomhla we10 kule nyanga ebetshila kwiRenki yeeTeksi eSomerset West nalapho ebetshayelela umsitho obubanjwe ngomhla weshumi elinanye kule yeThupha eMalmasbury. UThumeka waduma kakhulu ngengoma yakhe ethi uHana.

Uxelele I’solezwe ukuba kwicwecwe lakhe elitsha usebenze noosaziwayo kumculo weGospile nabafana noNqobile Ngidi, uMfundisi Nkomfa Mkabile kwanomyeni wakhe onguEric Lote.

“Ndingumntu oneminyaka emininzi kule ndlela, akukho lula kwaphela, kodwa okubalulekileyo kukwazana noThixo. Kuba lula ukuba wenza into oyithanda ngentliziyo yakho yonke,” utshilo uThumeka.

UThumeka utshile eqongeni neemvumi ezahlukeneyo kumculo weGospile, apho singabalula khona uDumi Mkokstad, uLusanda noBetusile Mcinga.

Kungoku nje uthi usebenzisana kakhulu neemvumi zasekuhlaleni ezikhulayo, nathi uzifake phantsi kwephiko lakhe ukuzikhulisa ze ziphuhle ngakumbi kumculo weGospile.

Uthi kubantu abasakhulayo nabafuna ukucula kufuneka bazane noThixo, bathobeke yaye babe nothando, benze lo mculo wokholo ngaphandle kweenjongo zokufuna imali. Uthi owona mngeni abajamelene nawo beziimvumi kukuthengiswa kwamacwecwe wabo ngexabiso eliphantsi.

Esitsho kananjalo ukuba kunzima, abanazinkampani kungekho nabaxhasi, esithi kwimisitho yonke athi ayenze ixhomekeke emagxeni akhe ukuba ahlawulele yonke into. Uthi yiyo loo nto soloko equqa ebuyelela ecula ezirenkini kuba uzama ukonyusa ingxowamali.

Uthi icwecwe lakhe liyafumaneka kwiindawo ezohlukeneyo ezirenkini zeeteksi.

UThumeka ubongoza abalandeli nabathandi bomculo wakhe ukuba bamxhase bathenge eli cwecwe lakhe litsha.