Asivoti! Nasi isizathu

I’SOLEZWE lesiXhosa libuze abafundi balo kuFacebook ukuba xa benokuthi abazukuvota kulo nyaka singathini isizathu sabo.

Ukuphendula, uninzi lwabo luxele ezona zizathu zokuba bangathabathi inxaxheba kuvoto lwalo nyaka, logama abanye bevakalise ukuba ukungavoti ayisiso isisombululo.

UMedos Jack uthe: “Kudala ndivota andibon’into, ndithatha abantu ndibabeke ezindaweni, suke ndingasebenzi kufuneke ndiwuthenge umsebenzi kodwa ebethembisile wathi bazokuvula izithuba sisebenze.”

Yena uKumkani Tiyana Keith Moya uthe: “Yiminyaka miningi kakhulu ngivota kodwa angikasebenzi namanje, ngibukela abantu abaphelelwa zinyanga ngihleli nje.”

UMalilyzer Lilyter Mas’wisa Gagela uthi soze aphinde avote. “Soze ndiphinde ndivote mna ndawuvota mhla ndaphangela, kunini ndivota ndivotela umoya, kubenzima inkxaso sele uvuka uzenzela…bakuvotelwa ngula msebenzi wakwaMasipala bandigxotha kuwo ngaphandle kwesizathu. ANDIZIIII…”

UMtikitiki Vuyiseka uthi: “Andinakuvotela ooBosasa mna, oko ndaqal’ukuvota, kodwa lo unyaka andizi tu.”

Lolo Bani: “Esam isizathu kukungasebenzi and’zokwazi uyobeka unXi, and’zokwazi tu uyombeka!”

Kodwa yena uVazi KaMadikizela-Zuka uthi ukungavoti ayisiso isisombululo: “Kanti ke ukungavoti akusosisombululo..Wonke umntu oselungelweni makavote..Avotele lo mbutho acinga ukuba angenza umohluko.”

Lwando Ndim Lowo Zatu: “Mna ndiza kuyokubhalisa khange ndibhalise, ndizovota nakanjani.”

Umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) namashumi amabini anesixhenxe (27) kule nyanga yoMqungu, ubekelwe bucala ukuba kubhaliswe kwakhona kwabakwilungelo lokuvota.

Usomaqhuzu weIEC eMpuma Koloni, uKayakazi Magudumana, waxelela I’solezwe lesiXhosa ukuba: “Kuluhlu lwethu lovoto eMpuma Koloni sinabantu abakwi-3.3 yezigidi, eli nani litshintsha mihla le kuba abantu bayemka ephondweni abanye bayafika. Sisenabo abantu abakuma-188 000 abangenazo iidilesi kuluhlu lovoto. Eli linani elingabonakala lilincinane, kodwa linani ekufuneka silehlisile.”