‘Asiyo ndlwan’ iyanetha umsebenzi wamapolisa’

UMkomishinala wamapolisa ephondo leMpuma Koloni uNjengele (Lt Gen) Celiwe Binta uthi, umsebenzi owenziwa ngamapolisa awunokwenziwa nangubani na, kuba banikeza ngobomi babo bekukhusela uluntu.

UBinta ukuthethe oku eHemmingways eMonti ngoLwesihlanu, isipolisa sephondo besiwonga amalungu esipolisa athe agqama kulo nyaka. La mawonga aquka lawo abacuphi abatshatsheleyo, amagosa ezonxibelelwano asebenza ngokuzinikela, amapolisa akhubazekileyo asebenza ngokuzinikela.

“Kulo lonke ilungu lesipolisa elisebenza phantsi kobunzima naphantsi kokugrogriswa kwanokusebenza ngapha kweeyure zomlinganiselo siyabulela ngexesha labo belwela abantu bethu,” utshilo uBinta.

Uthe, iphondo liphulukene namapolisa alishumi kulo nyaka, edutyulwa zizikrelemnqa. Ethetha kwakulo msitho, umphathiswa wezothutho kwakunye nokhuselo uWeziwe Tikana uthi, ukulwa ulwaphulo-mthetho luxanduva lakhe nawuphi na umntu. “Wonke umntu kufanele ukuba adlale indima enkulu ekulweni ubundlobongela,” utshilo uTikana.

Eli phondo leMpuma Koloni lime endaweni yesibini kuMzantsi Afrika uphela ekwehliseni izinga lolwaphulo-mthetho ngokweenkcukacha-manani ebezisandul’* – kukhutshwa ngoSeptemba ngumphathiswa wamapolisa kazwelonke uNathi Nhleko.

Ngokwengxelo kanyaka-mali ka2014-15 enye yezinto athe aziphumelela amapolisa eli phondo xa bebesilwa ubundlobongela ibeyimipu engaphaya lukwamawaka amathathu anamakhu amahlanu (3 500) eye yachithwa engekho mthethweni nokugwetywa ubom kwabantu abangamashumi amahlanu anesine (54) kwiziganeko zodlwengulo.

Othathwa njengenkwenkwezi yalo yaka nguConstable uMervin Frans wesikhululo saseJoza eRhini. UFrans uwongwe ngegalelo lakhe lokubuyisela kubanikazi iimoto ezibiweyo, ukuthibaza iziyobisi ezibiweyo kwanokunqanda iingozi kuN2. UKapteni Sandra Janse Van Rensburg waseBhayi uphumelele njengogqwesileyo kwezonxibelelwano.

Kwizikhululo zamapolisa, isikhululo saseMooiplus eMonti sifumene iwonga lokugqwesa kulawulo phantsi kwezikhululo ezincinci, lo gama isikhululo sakwaMlungisi kuKomani siphumelele iwonga kwizikhululo eziphakathi, saze isikhululo saseMthatha safumana iwonga kwizikhulo ezikhulu.