‘Asiyonto yokujola nokuncamisana ubukhwetha’ – Abachasi beNxeba

Abaqhankqalazi bengxange phambi kwaseHemingways eMonti, besithi abafuni kuboniswe umboniso bhanya-bhanya othi The Wound: Inxeba IMIFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Iinkosi noluntu lwaseMpuma Koloni luphela luthe lwabamba umngcelele oya eHemingways eMonti ngoLwesihlanu beyokubonakalisa ingqumbo yabo ngomboniso bhanya-bhanya othi The Wound: Inxeba.

Oku bakwenze nangona nje abaphathi baseHemingways bevakalise ukuba abazukuwubonisa lo mboniso, obhentsisa iimvakalelo zamadoda ancuma namanye amadoda nangona esesuthwini, kulandela ingqumbo yoluntu.

Kulo mboniso, osekezelwe eMpuma Koloni, uXolani odlalwa nguNakhane Touré, ongumsebenzi kwimizi-mveliso, ulikhankatha likaKwanda odlalwa nguNiza Jay Ncoyini. Ekuhambeni kwethuba, uKwanda uqaphela ubukhomo kuXolani – nto leyo engazange yaqatshelwa mntu. Emva koko, uXolani noKwanda kubonakala besondelelene kakhulu, ngokwendlela yabantu abaqala ukuncumelana.

Lo mboniso, obaliswa ngesiXhosa, ukwabhentsisa isiko lolwaluko ngendlela enobugangxa nto leyo evusa umnyele kwisizwe sakwaXhosa. Unobhala wombutho weenkosi iContralesa eMpuma Koloni uNkosi Mkhanyiseli Dudumayo uthi Inxeba lihlaza isiko lolwaluko.

“Akukho zimfundiso ezicaciselwa abantu kulo mboniso. Inene umntu onokuyonwabela le nto kuthiwa liNxeba, ngumntu ongazange woluka.

“Abababhali beNxeba, abakwazi nokohlula phakathi kwengcibi, ikhankatha kwakunye nenqalathi. Baphinda basenzele intlonti esiyiqapheleyo yokuba xa aba bakhwetha babo besiya kuxhelelwa, kula nkqubo yomngcamo nomojiso, bayeka esithubeni bengabonisanga yonke la nkqubo, into ethetha ukuba abenzi le nto siyaziyo. Ibhokhwe inye kubakhwetha abaninzi, wawuyibona phi lo nto?” kubuza uDudumayo.

UDudumayo uthi ubenenyhweba yokulibukela Inxeba. “Ndibenenyhweba yokubukela Inxeba, emva kwesimemo sikaMphathiswa wezoNxibelelwano [Mmamoloko Kubayi-Ngubane], futhi zange siyithande sonke la nto singabantwana begazi. Asiwufuni wonke lo mboniso, asitsho nokuba mawuhlelwe,” kutsho uDudumayo.

Le nkosi ithi indawo yabakhwetha yindawo enyulu, apho kungenziwa miba yezesondo.

“Nale nto yokubona amakhankatha ekhulelwa ziimvakalelo zezesondo, apho ubone ikhankatha lincamisana nomkhwetha bemenza intombi, yinto esiyizubulayo. Ebakhwetheni asinabo abantu ababelana ngesondo, kuba asiyondawo yokujola leya,” utshilo uDudumayo.

Ebuzwa kwinto yokuba ingaba iinkosi ziyawamkela kusini na umba wamadoda ancuma namanye amadoda, uDudumayo uthe: “Umntu othi asiwamkeli umba wamadoda athandana namanye uliyilo. Yintando yakho ukuthandana nomntu ofuna ukuthandana naye. Ukuba uthi uyigeyi, unalo ilungelo lokoluka.”

Abantu abebesele bethenge amatikiti okubukela Inxeba eHemingways, banikwe iimali zabo kwakhona nanjengoko abaphathi besithi abayazi ukuba uzakudlala nini lo mboniso.

Umanejala wakwaTsogo Sun eHemingways uJohn McGregor uthe: “Kubalulekile ukumamela izimvo zoluntu. Yiyo le nto sibone ukuba masiwurhoxise lo mboniso, de kubekanti singene kwiingxoxo nabo bachaphazelekayo.”

Akucaci ukuba eminye imizi yemiboniso bhanya-bhanya elizweni izakulibonisa kusini na Inxeba. INu Metro yaseWalmer eBhayi nayo irhoxile ekuboniseni lo mboniso.