‘Asiyonyani, ayoyaseKZN iMK Party’

Amalungu eMK Party asuka eCacadu. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

UMicheal Peter oyinkokeli yeMK Party eCacadu eMalahleni uthi bubuvuvu uluvo neembono zokuba lo mbutho ngumbutho wephondo laseKZN.

UPeter uncokole nephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngethuba ecenga abantu ukuba bavotele umbutho wakhe phambi kweholo yedolophu yaseCacadu.

Imibutho ephikisayo equka iMK Party, EFF, DA, UDM kwakunye neATM ihombise ngemibala yayo phambi kweholo yoluntu eCacadu.

“Asiyonyani le yokuba iMK ngumbutho waseKZN, iMK liqela elitsha kwindawo yonke emhlaba uhlangene,” kutsho uPeter.

Uthi unobungqina bokuba lo mbutho kaJacob Zuma unomzila ocacileyo kwiindawo ezininzi kwisithili saseChris Hani.

“Ndivela eKomani kuvotelwa iMK, ndivela eTarkastad kuvotelwa iMK, ngoku ndisendleleni eya eCala, nalapho kuvotelwa iMK, mabayeke ukuxoka,” kutsho uPeter.

Bukela ividiyo

Lo kaPeter ucenge uluntu ukuba luvotele umbutho wakhe ephahlwe ngoogxa bakhe bemibutho ephikisayo.

Ukusukela kwiintsuku ezimbini zokuqala zokuvota, imibutho ephikisayo ayikhange ibonakale kakuhle kumaziko ovoto kuMasipala waseMalahleni nase-Enoch Mgijima.

Ngentseni yanamhlanje uninzi lwemibutho ephikisayo ibonakele kwizikhululo zovoto amalungu abo esebenza ngaphakathi, logama abanye kubo bebambe ucwangco ngaphandle kwezikhululo zovoto.

Ukusungulwa kombutho weMK ziinkokheli eziphuma kwiphondo laseKZN kwenze ukuba ngenene uninzi liwubone lo mbutho njengombutho wephondo laseKZN.

IMIFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA