Asizulitshintsha igama elithi “Dick”

Abaqhubi beeAvanza baseLusikisiki bathi ababoni nto engalunganga ngeli gama kwaye abazulitshintsha nanjengoko bebhale uDick endaweni kaDiki umfanekiso: Buziwe Nocuze

KuseLusikisiki kuphela apho amagama endawo atshintshwa abhalwe ngenye indlela engahambiselani ntlobo negama elo.

Abaqhubi beeAvanza bedolophu yaseLusikisiki bathi abazulitshintsha igama elithi “Dick” nabalibhale kwenye yeebhodi ebekufanele ukuba kubhalwe uDiki kuyo.

USiphamandla Mayoyo noneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala, uxelele I’solezwe ukuba ababoni nto efuna ukutshintshwa ngeli gama kuba kudala balibhala olwa hlobo.

“Abantu abaya kwaDiki bayayazi ukuba la Dick umele kanye indawo yabo kunjalonje zange bakhalaza, ngoku yintoni eza kubangela ukuba silitshintshe eli gama?” kubuze uMayoyo.

Igama uDick ligama lesiNgesi lesikweko elikwabhekisa kwilungu langasese lendoda.

Omnye wabakhweli bakwaDiki uthe ngethuba beqala ukulibona eli gama babecinga yimpazamo eza kukhawuleza ilungiswe, kodwa ngokuya kuhamba ixesha babona wonke umntu epholile kwaye engaboni nto engalunganga ngeli gama.

“Ingaphezulu kwesihlanu iminyaka kubhalwe la Dick, ukuba babefuna ukumtshintsha ngebayenza kudala lo nto, kodwa wonke umntu upholile apha nathi ke sathula nto nje xa bezoyosibeka kwaDiki kulungile,” utshilo umkhweli.

I’solezwe libuze abanye abantu ukuba bacinga ntoni na ngalo mbhalo.

UNkosinathi Mavilo noneminyaka engamashumi amabini anesihlanu uthe icacile ukuba amadoda ala ndawo aphathisiwe yilo nto nendawo kusithiwa kukwaDick.

“Kodwa ela gama xa benokulibhala ngesiXhosa bathi kukwa ‘Ncanca’ abantu kulapho benokuyiqaphela khona qha ke kuba ibhalwe ngesilungu ngoku bacinga ukuba ilungile,” utshilo uMavilo.

Watsho esithi ukubhalwa ngolu hlobo kweli gama akacingi ukuba kunento yokwenza nokungafundi kwabantu abaqhuba iiteksi nanjengoko uninzi lukholelwa kulo nto.

“Nokuba bakhona abaqhubi beeteksi abangafundanga kodwa bakhona abafundileyo kwaye abayazi kakuhle ukuba ela gama lithetha uncanca ngesiXhosa nto nje baliyeke ngamabom, ”utshilo uMavilo. Omnye wabaqhubi beeteksi uthe xa ebuzwa ngeli gama wathi akalazi nokuba lalibhalwe ngubani na.

“Isimanga ke naxa silibiza, silibiza olwa hlobo, indaba kaDiki ayisebenzi apha kwaye kulungile makuhlale kunje,” utshilo umqhubi weteksi.