‘Asoze ndilishiye eli lizwe’- kutsho omhlophe

MaRtin Douglas

UMARTIN Douglas, wohlanga lwabamhlophe, uvuke wayokuvota eGonubie Primary izolo, ebethelela ukuba yena uyalithanda ilizwe loMzantsi Afrika kwaye akasokuze alishiye, into ekhabanayo nabanye abantu abamhlophe abagrogrisa ngokulishiya eli xa kuphunyezwe inkqubo yokubuyiswa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo yemali.

UDouglas, encokolela I’solezwe lesiXhosa uthe: “Ndivuye kakhulu yindlela esingethwe ngayo inkqubo yovoto eGonubie Primary. Ebenobubele amagosa [ezolonyulo] kwaye yonke into ihambe ngendlela entle kakhulu.”

“Ndivotela ukwenza umahluko kwilizwe lam kuba sihlala kwilizwe elithandekayo kakhulu,” kutsho uDouglas.

UDouglas uthi uwuthanda kakhulu uMzantsi Afrika, kwaye akacingi nakanye ukuba uyakuze alishiye eli lizwe.

“Andifuni kuya kwelinye ilizwe, ndifuna ukuba lapha eMzantsi Afrika ndibe luncedo. Ndifuna ukuthabatha inxaxheba ekuqinisekiseni ukuba abantwana beli lizwe banekamva,” utsho uDouglas.

Uthi urhulumente kufuneka ahlonele uThixo.

“Urhulumente kufuneka abe sisicaka sikaThixo, enze umahluko eluntwini. Andimgxeki lo rhulumente kodwa into endiyibethelelayo kukuba kufuneka sichonge abantu abamhlonelayo uThixo.

“Abantu abaphethe kurhulumente kufuneka bathandaze bangazithatheli izigqibo ngokunokwabo,” utshilo uDouglas.

Ezi ntetho zikaDouglas zilandela izankxwe zabamhlophe abathe gqolo ukugrogrisa ngelithi baza kulishiya eli lizwe, bebanga ngelithi alizithathelanga ngqalelo iimfuno zabo.

Ezi zankxwe ziza emva kokuba urhulumente okhokelwa yiANC kwaneminye imibutho equka iEFF bexhasa inkqubo yokuthathwa komhlaba owawuthathwe kubantu abamnyama, ze ubuyiselwe kubo ngaphandle kwembuyekezo yemali.

Kusenjalo, yena uAsanda waseGonubie uthi kubalulekile ukuvota kuba ubani kufuneka ayazi ukuba ngoobani aba abafaka kurhulumente.

“Imingeni esijongene nayo apha eGonubie yimingxunya endleleni. Hayi apha eGonubie kuphela koko yonke le ndawo [yaseMonti], iindlela ingathi ngamadama.”