‘Asoze ndingasili, kuphi ukutya?’

Iphephandaba I’solezwe LesiXhosa lincokole nabantu abahluphekayo bakwaWadi 5 eMalahleni, ebekumele ukuba bafumana ukutya kwisithuba senyanga enesiqingatha egqithileyo.

Ziintsapho ezingaphezu kweshumi elinesihlanu ezithi azange zive nokuva ngesibonelelo sokutya, logama ezingaphezu kweshumi zisithi zabhaliswa kwisithuba senyanga egqithileyo kusithwa kuyeza ukutya.

UNomonde Pilingane (54) uphila ngokuthengisa utywala besiNtu nobungavumelekanga ngenxa yemiqathango yeKhorona.

“Asoze ndingasili mna, nithi masitye ntoni xa ukutya sikubona ethivini kusithwa kunikwe abantu eMthatha naseKapa, thina siyabanjwa qha into eyenziwayo, kuchithwe utywala bethu,” utshilo.

UNomzwandile Adonisi (64) uhlala nentombi yakhe uNomasibulele Adonisi owagqibela ukuphangela ngo2008, kukho abazukulwana uEmihle (13), Indiphile (11) ozelwe ekhubazekile, Kamva (10) noLuniko (3).

“Kudala sibhalisa kumncedisi kaceba esithi ukutya kuyeza kwiveki ezayo, kodwa kude kwangoku asikaboni nto,” kutsho uAdonisi.

UPilingane ukhokele ikhaya ekungekho mntu ufumana isibonelelo namrholo, ukanti uAdonisi uyazifumana izibonelelo zikarhulumente.

UEsethu Mchweba (28) ungumama notata kubantakwabo abanguSiviwe (23), Lindani (16) noNelisiwe (22), abaphangeli abafundi, bashiywa ngabazali.

“Siphila ngemali yerenti yendlu esashiywa nayo ngabazali iseRhawutini, isinika imali eyiR1200 ngenyanga,” kutsho uEsethu Mchweba.

UNolusapho Jongqo (64) uhlala nabazukulwana bakhe, oonina abaphangeli bahlala eKapa, yena uphila ngesibonelelo sikarhulumente.

“Siyakufuna ukutya, abantwana bahleli apha ngoku abayi sikolweni bakutya ngamandla kukuncinci kunjalo, siva ngewayilesi kusithwa nako ukutya kuphiwa abantu, yini senzeni thina?” kutsho uJongqo.

UMasipala waseMalahleni uneewadi ezilishumi elinesixhenxe eziquka idolophu yaseIndwe neDordrecht phantsi koMasipala wesithili saseChris Hani.

UPilingane ukhe wabanjwa ngamapolisa ngenxa yokuthengisa utywala besintu emzini wakhe kanye ngeli xesha lokuvala ngokwemiqathango yeKhorona.

Ukutya okunikwa abahlali kuphuma ngokoncedo lukarhulumente alunika abantu ngeli xesha lokuvingcelwa yiKhorona.

Osisithethi sikaMasipala eMalahleni uLuthando Nqumkana uphendule wathi:

“Inyaniso kukuba ukutya ebekuhanjiswa ebantwini bekumbalwa ukonela izidingo zoluntu nto leyo eyenze ukuba nathi singuMasipala sibenendlela yokuqokelela ukutya kwethu,” kucacisa uNqumkana.

Uthi baqalise kwiveki ephelileyo ukuhambisa ukutya ebantwini balo masipala kwiinzame zokusabela ikhwelo likarhulumente kazwelonke.

“Oku kutya sinikisa ngakho sixhomekeke kwinkxaso yoosomashishini, nabanye abantu abafunayo ukunika inkxaso yokutya eluntwini,” utsho uNqumkana.

UMasipala waseMalahleni ngomnye woomasipala abanezinga eliphezulu lentswelangqesho ebangela indlala.

AbakwaSASSA abafumanekanga ukuba benze ilizwi ngalo mcimbi nanjengoko ingabo abakhupha ukutya bebambisene neSebe leNtlalontle.