ATA: Ngoonoteksi abajongene namahlwempu

XA ungumntu ongenamoto, into yokuqala ukucinga xa ufuna ukuthatha uhambo yiteksi. Naxa uhlwelwe ukude, into oyicingayo kukuba kazi uyakufika zisekhona na iiteksi eziya kuloo ndawo uhlala kuyo.

Ngenxa yoku oonoteksi bagqibe kwelokuba baseke umbutho wezopolitiko oza kungenela unyulo kule veki ezayo.

Lo mbutho, iAlliance for Transformation for All (ATA), uthi leli shishini leeteksi kuphela elithabathele ingqalelo yabantu abahlelelekileyo.

“Umntu ohlelelekileyo ukhwela iteksi xa esiya edolophini nakwezinye iindawo ezifana neekliniki kwakunye nasesikolweni. Naxa umntu egula, kuye kuqeshwe iiteksi ukusa abantu ezibhedlele,” utshilo uSabelo Dumezweni, othethela uMongameli weATA uNtsikelelo Gaehler, kudliwanondlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kule veki.

UDumezweni uthi iATA isebenzisana neenkosi, “kuba zizo ezivuka ebusuku zibize thina bantu bakushishino lweeteksi siye kwizehlo zolwaphulomthetho”.

UDumezweni ukwabalule ukuba oosibonda (okanye iibhodi) phaya ezilalini zifanele ukuba zirhole kuba esithi zenza umsebenzi wooceba.