Anyotywa ngotywala amapolisa aseQonce xa esabela umkhwazo wengxolo ebangelwa yingqokelela yeendawo ezithengisa utywala kwisitalalo iCambridge. Ingxelo ithi indawo zotywala eziquka BBB, Spiders kunye neOld Fellows zibenza nzima ubomi babahlali kwisitalato iCambridge.
Umhlali ongavumanga negama lakhe uthi bahlala besoyika ezindlwini zabo ngenxa yezinto ezingamasikisi ezenziwa ngabantu abahambela ezindawo.
“Kudala sikhala emapoliseni, amapolisa afika apha eBBB ancokole noMike aphume ehleka, esela, angene notywala ezimotweni zawo ahambe,” ucacise watsho umhlali.
Usomashishini ongumnikazi wendawo yokulala apha iEl Shaddai uNaomi Dos Santos uthi ngenene bunzima ubomi kwesi sitalato.
“Benza isondo esitalatweni, bayachama, batshaya zonke indidi zeziyobisi, ingxolo yona isigxothela abantu abaze kulala apha kuba sishishina ngendawo yokulala – kunzima kakhulu silahlekelwa yimali,” uthethe watsho uDos Santos.
Bathi amapolisa abaxelela ukuba mabathethane nabanikazi bezindawo zotywala ukuze bavane.
UDos Santos uthi ingxolo ephuma kwezindawo zotywala ibangela ukuhla kwenani labantu abafikayo kwindawo yakhe yokulala iEl Shaddai Guest House.
“Ndiqeshe abantu abangamashumi amane apha, xa ushishino lungahambi ngendlela sizakunyanzeleka ukuba sivale, baphelelwe ngumsebenzi abantu,” uthethe watsho uDos Santos.
Eminye yemiqathango egunyaziswa ngabakwa Eastern Cape Liqour Board xa ikhupha isigunyaziso sokuthengisa utywala, unyanzelisa ukuba abahlali babenolwazi ngokuvulwa kwaloo ndawo.
“Ukuba sasixelelwe ngokuvulwa kwale ndawo sasingeke sivume ukuba sibe nendawo zokuthengisa utywala kwindawo ezisondelelene kangaka,” utsho uDos Santos.
Umnikazi waseBBB uMike Victor, uthi aziyonyani izityholo ezijoliswe kwishishini lakhe. “Ndiyayazi ukuba ngula mntu waseBrazil onithumele apha, andinatyala mna qha ndiyamazi ukuba unomona lo mntu ngam,” uthethe oko uVictor.
Usomashishini othengisa incwadi kufutshane neBBB uRadha Pillay wevenkile iPillay Stationery, uthi kunzima ukuqhuba ishishini lakhe kufutshane nezindawo zotywala. “Xa sifika apha kusasa ngakumbi ngoMvulo sifika kuzele yonke into, iikhondom, iibhotile, imichamo nezinye ezimasikizi, bahlala kanye apha emnyango apha kwam xa beselayo,” utsho uPillay.
UDos Santos uthi ubhenele kwiinkampani zabucala zokhuseleko ngenxa yokungathembeki kwamapolisa aseQonce.
“Ndisebenzisa inkampani yezokhuseleko ngoku kuba amapolisa awakwazi kusinceda, athi masiye kuceba okanye kwamasipala,” uthethe watsho uDos Santos.
Ukanti othethela amapolisa aseQonce uSiphokazi Mawisa, uthi bayazazi iingxaki zala ndawo. “Kudala amapolisa esenza amaphulo okulwa la ngxaki kula ndawo, kodwa thina siyivala indawo ethengisa utywala xa igqithise kwixesha layo elisemthethweni,” ucacise watsho uMawisa.
Uthi abahlali ababona amapolisa esenza into egwenxa efana nokwamkela utywala kubanikazi bendawo ezithengisa utywala, mabafake isikhalazo emapoliseni akufutshane nabo.
“Mabathathe igama lepolisa, inombolo yeveni, nosuku olo yenzeke ngalo into abhale okanye aye esikhululweni samapolisa,” utsho uMawisa.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi