Athi akazuvota amalungu eANC eNdevana

AMAQABANE mawamkele izigqibo zeenkqubo zeANC ayeke ukukhuphisana ngezikhundla, ukhuphiswano liphakathi kombutho namaqela aphikisayo.

Oku kuthethwe libambela likanobhala weANC kwingingqi yeWB Rubusana uMkhawuleli Maleki.

UMaleki ukuthethe oku emva kwesinye seziganeko zeyantlukwano phakathi kwamalungu kaKhongolose kuWadi 49 wale ngingqi.

Kwimpelaveki esisuka kuyo, abahlali baseNdevana babike ukungaboni ngasonye phakathi kwabalandeli bakaceba wale Wadi uNkosinathi Mphathalala, kwakunye nabomgqatswa ekulindeleke ukuba abenguceba wale Wadi emva konyulo uMfundo Botha.

Amalungu eANC kule wadi atyhola iinkokeli zale ngingqi ngokungalandeli iinkqubo zombutho ngethuba kubanjwe intlanganiso yesebe.

Elinye lamalungu lithi inkqubo yokudityaniswa kwamasebe zange ilandelwe ngethuba kudityaniswa inxalenye kaWadi 40 kuWadi 49.

Eli lungu likwathe impumelelo kaBotha ize ngenkxaso yamalungu alo mbutho abefudula ekuWadi 40.

ULinda Rhawuzela olelinye lamalungu angonelisekanga ziziphumo uthe, “UMfundo Botha uzakuvotelwa zeza pali axhonywe kuzo, akazukuvotelwa ngamalungu eANC kule Wadi.” Ukwathe uBotha uncediswe nguThozamile Norhexe onguceba kwaWadi 45 ngethuba eququzelela intlanganiso yesebe.

“YayinguNorhexe owayejikeleza ekhwaza intlanganiso, engumntu wakwaWadi 45, singayazi ukuba ungena phi kwintlanganiso yakwaWadi 49,” utshilo uRhawuzela.

Ukanti uMzwanele Buwa okwayinxalenye yamalungu, ugxeke iinkokeli zombutho kweli phondo ngokwamkela inkqubo engaqhutywanga ngokufanelekileyo.

Ukwathe ezi nkokeli azisondeli ebantwini zizokusabela xa kukho ingxaki.

“Bathatha izigqibo emacaleni bodwa bamane bekhuphela ngaphandle amalungu, oku kwabelungu xa bezakuvala ifem,” utshilo uBuwa.

Ukwathe inyathelo leANC libenza intlekisa kumaqela aphikisayo. Uqhube wathi, “Lo mbutho siyawuthanda, ngumbutho wethu onkcenkceshelwe ngegazi labantu. Akukho apho sizakuya khona, kungekho mbutho wumbi sizakuwuvotela, kodwa sizakuyilwa le bayenzayo.”

Amanye ala malungu avule amatyala ezinkundleni emva kwziganeko zokuhlaselwa ngabaxhasi bakaBotha.

johnnie.isaac@inl.co.za