ATM: UThixo uqumbile

Iqela elitsha lezopolitiko iATM belibambe indibaniso kwilokishi yaseSantini eGonubie ngeCawe Umfanekiso: BHEKI RADEBE

NOKUBA urhulumente angagqibelela kangakanani ekuseni iinkonzo eluntwini, ukuba akakhokelisi Thixo phambili sokuze alubone uxolo.

Oku kuthethwe ngumakhwekhwetha kwezopolitiko uNoluthando Qikana, olilungu lombutho iAfrican Transformation Movement (ATM) emva kokuba lo mbutho uthe wamkela amalungu amatsha eSantini, eGonubie kutshanje.

UQikana uthi xa kukhokela uxolo, yonke enye into entle iza kulandela.

“Kulo mbutho sithi inga thina, singenza ngcono. Into esiyenzayo kukuba thina sithi siyabona ukuba ilizwe lethu liyanxakama. UThixo uqumbile kwilizwe lethu.

“Thina singumbutho kaThixo. Akunakuze kwenzeke nto intle kungekho xolo, uxolo ke lukubantu abaphila ngoThixo. Nokuba ungazizisa kanjani iinkonzo, ukuba akekho uThixo sokuze kubekho uxolo,” utshilo uQikana.

UQikana uthi abatsho ukuba eminye imibutho ayinaThixo, kodwa ubuzile ukuba ingaba iinkokheli zeminye imibutho ziyakhonza.

“Asitsho ukuba akukho Thixo kweminye imibutho, kodwa kowethu umbutho kukhokela ooBhishophu kwanamalungu eenkonzo. Izinto ezimbi kweli lizwe ezifana nolwaphulomthetho kwanezixholoxholo zibonisa ukuba ilizwe loMzantsi Afrika likwimeko embi,” utshilo uQikana.

UQikana uthi lo mbutho ungenile kugqatso lokwenza kakuhle kunyulo. “Siza kungena embusweni futhi siza kuphatha.”

Kutshanje iATM ithe yamkela obesakuba sisithethi sikarhulumente kwanosomashishini uMzwanele Jimmy Manyi. Kunyaka ophelileyo uVeliswa Mvenya, obefudula elilungu lePalamente yaseMpuma Koloni phantsi kweDA ubhengeze ukuzibandakanya kwakhe neATM njengosihlalo wephondo.