Atshona amalanga kuKamala Harris noDonald Trump

UKamala Harris weDemocratic Party noDonald Trump weRepublican Party.

UDonald Trump kwakunye naphikisana naye kunyulo lweveki ezayo eMelika, uKamala Harris, baza kwenza iintetho zabo esidlangalaleni zokugqibela bephikisana ngezinto abazakuzenza.

Uninzi lweengcali zopolitiko kwihlabathi zithi akulula ukuqinisekisa ukuba ngubani oza kuphumelela phakathi kwesi sibini. UHarris nguSekela Mongameli welizwe laseMelika, logama uTrump wayekhe wabamba ngengoMongameli ngaphambili.

Kwiintetho zakhe malunga nolu lonyulo, uHarris ubongoze abantu baseMelika ukuba bangavoteli uTrump.

“Ukuvotela uDonald kuthetha ukuba niza kukhuthaza iyantlukwano phakathi kwabantu baseMelika, niza kubangela ukuba kubenguqulukubhode kwintlalo yabantu baseMelika,” utshilo uHarris.

UHarris ungene buphuthuphuthu njengomgqatswa weqela leDemocratic Party emva kokoyisakala kukaJoe Biden kwingxoxo noTrump.

“UDonald Trump ngumntu ozele inzondo, akazinzanga ngoko ke uza kubangela ukuba kungabikho zinzo kulo lonke ilizwe laseMelika, uzonda abantu abaninzi,” ugadlele watsho uHarris.

Kwelakhe icala, uTrump usebenze nzima ukucacisa ukuba akanguye uzwilakhe koko ungumntu othanda wonke ubani.

Oku kusemva kokuba uninzi kuquka noHarris bemfanise noHitler waseJamani ngobuzwilakhe.

“Andinguye uHitler, andililo neNazi njengokuba kusitshiwo, ndinqwenela ukuba sibambisane sibuyisele ilizwe laseMelika kubantu balo,” utshilo ezithethelela uTrump.

UTrump uthethe nabalandeli bakhe eMadison Square Garden ecacisa ngento aza kuyenza ukukhulula iMelika kwiDemocratic Party.

Olu lonyulo kulindeleke ukuba libenefuthe kwiinguqu ezininzi eziya kuchaphazela ihlabathi ngeendlela ezininzi. Imfazwe eqhubeka phakathi koSirayeli nePalestina ixhomekeke kwindlela abantu baseMelika abavota ngayo, ukanti naleyo iqhubeka phakathi kweRashiya neUkraine ikwaxhomekeke ngokupheleleyo kwiivoti zabantu baseMelika.

IMelika inesandla esikhulu ekuxhaseni ezi mfazwe zombini, ngoko ke xa kunokungena uMongameli oza kusebenzela uxolo kwihlabathi ngokurhoxisa inkxaso yeMelika, oko kungenza umahluko.

NgoLwesibini umhla wesihlanu wale nyanga, abantu baseMelika baza kuvukela kumaziko okuvota bekhetha inkokheli abayithandayo phakathi kukaHarris noTrump.