
Amanina esingqi sombutho wamanina iDiocess eFalse Bay eNtshona Koloni kwinkonzo yamaTshetshi athe abhiyozela ukuvala unyaka wabo ka2017 ngomahluko kulo unyaka ngokuthi olule isandla kusapho oluhlelelekileyo kulammandla olu shiywe ngunina.
UBomkazi January okwezonxibelelwano kule nkonzo uthi, ngokwenza oku bafuna ukubonisa uluntu ukuba icawe ayiyondawo yokukhonza kuphela nabo ngabantu bayakwazi ukuxhasa abo badandathekileyo ngokwenza umahluko kwiintsapho ngokuthi bashiye into esiwa phantsi kwempumlo.
Uthi ezinye zezinto abazenzayo ngaphakathi enkonzweni kukwakhana bengoomama bavuselele nabo bathe batyhafiswa zizinto ngezinto endleleni yobom.
Ukukhuliswa abantwana abasebatsha abangamantombazana enkonzweni ngelizwi likaThixo kwenzele bakwazi ukubaluleka kukaThixo kwimpilo zabo.
isibhalo@inl.co.za
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa