Avela kwaNdebele amaNala

UNkosana Magodongo Mahlangu Imifanekiso: Siyanda Jantjies

Isizwe samaNala sisizwe esivela kwiphondo laseMpumalanga ngokwembali yakudala. 

Oku kudizwe kuqinisekiswa nguNkosana Magodongo Mahlangu ophuma kwaNdebele eMpumalanga ngethuba ezimase umnyhadala wenkcubeko yesizwe samaMpondo eLwandlolubomvu eNtabankulu.

 “Aba ngabantu abaphuma kumaNdebele:  uMusi uzele uMaNala, Nzunza, Mthombeni, Mphaphudi noMasombuka,” utsho uMahlangu. 

IMpuma Koloni lelinye lamaphondo athi afumana inani eliphezulu lesi sizwe emva kokuba bachithakala beshiya iphondo laseMpumalanga ngamaxesha akudala.

“Emva kokuba bezele baye bachithakala abanye beza kweli leMpuma Koloni, babizwa ngooNdokose, Sibhekuza, Mpembe –  bonke aba ngabazukulwana besizukulwana sikaNzuza, kaNala,” utsho uMahlangu.

 Abantu besi sizwe bayafumaneka kwindawo eziquka iGcuwa, Tsomo, Ngqamakhwe, Cala, Komani naseCacadu kweli leMpuma Koloni. 

Iifani  abaziwa ngazo kwezi ndawo ziquka uMatheza, Tose, Mvandaba nezinye.

Ngenxa yokuba esi sizwe sangena phantsi kwephiko lamaHlubi kweli leMpuma Koloni,  baphantsi kwezizwe ezathi zayithathela phezulu imfundo kwasekuqaleni. 

“Singakuvuyela ukuvuselwa kobudlelwane phakathi kwethu kunye nabo abantakwethu bakwaNala bakaNzuza,  ngabantu abanobukhosi kweliya laseMpumalanga. 

Le nkosana ibiyinxalenye yalo mcimbi wenkcubeko yamaMpondo iphelekwa yinkosikazi yayo uPhindile Mahlangu. 

Ziinkosi eziphuma kumakomkhulu oMzantsi Afrika ahlukeneyo ezithe  zayinxalenye yalo mcimbi kubhiyozelwa inkcubeko ezahlukeneyo eziquka isiMpondo, Ndebele, Pedi, Shangana nezinye.

 Umasipala waseNtabankulu uqale ngonyaka ka2015 ukuxhasa lo mnyhadala ngokusemthethweni.